UMthatha Bucks uphumelele ngemvula yamagowuli wabuyela phezulu kwiMotsepe League

Ude wayifumana indawo yokuqala uMthatha Bucks kwiABC Motsepe League emva kwexesha elide uyigacele. Njengoko bekulindelekile, iBucks izuze amanqaku apheleleyo
kwakhona emva kokuqusha iBush Bucks A FC ngo’5-0 esemsileni emdlalweni
weMotsepe League obubanjelwe eMthatha Stadium izolo. IBucks, ebihleli kwindawo yesibini, inyukele kwindawo
yokuqala kwiMotsepe League ngamanqaku angamashumi amathandathu anesibini (62).
Yona iTornado FC, ebihleli kwindawo yokuqala, izibone
isehlela kwindawo yesibini emva kolahla amanqaku emdlalweni obuphakathi kwayo
nePeace Makers.

Amakhwenkwe kaTshepo Motsoeneng abambene ngenqaku elinye
macala neMakers (1-1), nto leyo ephazamise iphulo lawo lokudlala kwindawo
yokuqala. Kungokunje iqela
likaMotsoeneng linamanqaku angamashumi amathandathu ananye (61).
Kanti iBizana Pondo Chiefs, ehleli kwindawo
yesithathu, iqinise ithemba layo lokuphumelela iMotsepe League, ngokubetha iThe
Guys ng’1-0 emdlalweni ebekunyanzelekile iwuphumelele ukuze ihlale iphakathi
kwamaqela agacele indawo yokuqala. IPondo
Chiefs inamanqaku angamashumi amathandathu (60) kwaye iyiyo namaqela aphambili
kuyo asheyikelwe yimidlalo emibini kule sizini. Phakathi kwaloo midlalo,
iza kudlala neTornado.

 

Iziphumo zeMotsepe
League

Highbury FC 2-3 Sibanye FC

Amavarara FC 0-1 Matta Milan

SUBS 2-2 Yaka United FC

Birmingham City FC 2-1 Butterworth FC

Bizana Pondo Chiefs 1-0 The Guys

Future Tigers 2-3 PE Stars

Peace Makers 1-1 Tornado FC

Mthatha Bucks 5-0 Bush Bucks A FC