UMthatha Bucks uyasokola kwaNFD

UMthatha Bucks usecicini lokuthotyiselwa ukuba awukwazi ukuphumelela imidlalo yawo ezayo

Nangona isigaba sesibini sesizini sisesenyeleni – kodwa iimpawu zeqela elizikayo ziyabonakala kuMthatha Bucks.

Eli qela laseMthatha libambe itshoba kwaNational First Division emva kokungaphumeleli imidlalo eliqela eliyidlalileyo kule sizini.

Amathol’amnyama alwe kwakuko kwiveki ephelileyo ngethuba edlala ntanganye ngamagowuli amathathu macala neRoyal Eagles kumdlalo weNFD obudlalelwa eMthatha Stadium.

Noxa kuye kwabonakala okokuba abadlali bazimisele emsebenzini wabo – kodwa iinzame zabo azikwazanga ukuvelisa iziphumo engezilibeke endaweni engcono iqela labo kumdlalo ogqithileyo.

Umqeqeshi weBucks oqeshwe phambi kokuphela kuka-2017, uDuncan Lechesa, ucatshulwe ngamajelo eendaba njengowonelisekileyo ngumsebenzi owenziwa ngabadlali bakhe.

Kwezi sizini zimbini zidlulileyo, uMthatha Bucks ubusoloko unengxaki yokuvuza kudonga lwayo lwasemva. Ikhe yadamba lo nto – kodwa kuyabonakala ukuba isekhona ngoba naye uLechesa yinto akhala ngayo nacinga ukuba iyingxaki.

“Abadlali balwile emdlalweni ngoku kufuneka sivale isikroba phaya emva xa sidlala. Siyakwazi ukufaka amagowuli – kodwa sinayo ingxaki yokuvuza. Lo nto yinto engalunganga kakhulu,” utshilo uLechesa kwiintatheli.

Amathol’amnyama adibana neRoyal Eagles kumdlalo weNFD okulindeleke ube nzima eParow Park Stadium ngoMgqibelo.

Ngumdlalo ozakuba nzima kakhulu lo – kodwa nakubeni kunjalo, kunyanzelekile iBucks ibuye namanqaku apheleleyo.

IRoyal Eagles ihleli kwindawo yethoba – kodwa izakube ifuna ukuqinisa indawo yayo nayo. Zezinye zezinto ezo eziza kwenza lo mdlalo ube nzima.

Eli qela lityikitye uVincent Tebogo Ntuli osuka kwiBloemfontein Celtic, uTshepiso Lietsisa noWandisile Tjomolane.

Injongo kukuqinisa nokuqinisekisa ukuba iBucks iyasinda ezembeni xa kuphela isizini.

Imidlalo yeNFD

NgoMgqibelo: Witbank Spurs vs Tshakuma Tsha Madzivhandila 15:30; Royal Eagles vs Richards Bay @Harry Gwala 15:30; Black Leopards vs Cape Town All Stars @Thohoyandou Stadium 15:30; Real Kings vs Super Eagles @Sugar Ray Xulu Stadium 15:30; Mbombela United vs Pretoria University FC @Kanyamazana Stadium 15:30

NgeCawe: Ubuntu Cape Town vs Highlands Park @Parow Park 15:30