UMthatha Stadium usingatha ingxikela yetumenye yombhoxo ngempelaveki!

Ukusukela ngeCawe umhla wamashumi amabini anesine, enye yeedolophi zephondo leMpuma Koloni, uMthatha, uza kusingatha itumente yombhoxo okokuqala ezimbalini. Amaqela alishumi elinanye asuka emaphondweni onke oMzantsi Afrika aza kube eswantsulisana kwitumente yombhoxo wamantombazana aselula ekuthiwa yiSA Rugby U20 Women’s Tournament. Le tumente eza kuqingqitha iintsuku ezine zonke iza kusikelelwa kweqela lesizwe laseZimbabwe okokuqala kulo unyaka. Yitumente yombhoxo ejoliswe ekufunquleni umdla wabanye abanywana abasakhula ukuze bawubone umbhoxo ukuba ngumdlalo ofanele wonke umntu nokuba uhlala kweyiphi na indawo eMzantsi Afrika.

Abaxhasi abaphambili beSA Rugby U20 Women’s Tournament lisebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni nenkampani yeenjineli ekuthiwa yiLikhithanande Engineers. Imidlalo iza kuqala ngomhla wamashumi amabini anesine iyokuqhina ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga yoMsintsi. “Ngokusingatha itumente yamantombazana adlala umbhoxo kwisithili sase-O.R.Tambo, asincwasanga ukuqhayisa nje kuphela ngetalente yabadlali bombhoxo abasakhulayo – kodwa sikwazama nokufunqula umdla wabantu emdlalweni wombhoxo ngokuthi sibanike ithuba lokuwudlala,” utshilo uLynne Cantwell, umphathi weSA Rugby Women’s.

“Yitumente le esiyibona njengeqonga elilungiselela amantombazana inqanaba eliphezulu embhoxweni. Ubukho betumente enje kubalulekile ngoba kuvala umsantsa phakathi kwamaqela abadlali abasakhulayo namaqela amakhulu adlala kwinqanaba eliphezulu. Le tumente siyibona njengethuba elihle lokufaka phakathi zonke iindawo ezinombhoxo,” utshilo uCantwell, olebele ngokubulela inkxaso yesebe leZemidlalo, iLikhithanande neBorder Rugby Union ezincedisileyo kumalungiselelo wetumente eqala ngempelaveki eMthatha Stadium. Emva kwetumente, kuza kuchongwa abadlali abaza kudlalela iJunior Springbok Women eza kudlala imidlalo yovavanyo emithathu kwiphondo laseNtshona Koloni.

Imidlalo imi ngolu hlobo:

ngeCawe, 24 kweyoMsintsi

09h30: Limpopo vs Zimbabwe

11h30: Blue Bulls vs Western Province

13h15: Opening Ceremony

14h00: Border vs SWD

NgoMvulo, 25 kweyoMsintsi

09h30: Eastern Province vs Golden Lions

11h30: Griquas vs Free State

13h30: Sharks vs Boland