UMthatha usingatha itumente boosozoso kwinyanga yeKhala

Izixikixa zamadoda namanenekazi kwicandelo loosozoso (Bodybuilding) zibila zisoma ezinkampini kwiindawo ngendawo ezilungiselela kuzo ingxikela yetumente ekuthiwa yi-O.R.Tambo Bodybuilding Night of Champion eza kubanjelwa eWalter Sisulu University, eMthatha, ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala. Ngokokutsho kwabaququzeleli betumente, abantu abaza kuthatha inxaxheba baza kuphuma kumaphondo onke oMzantsi Afrika nakumazwe afana neMozambique. Kokokuqala uMthatha usingatha itumente ekwinqanaba lehlabathi. Kunyanzelekile abaququzeleli baqinisekise ukuba umgangatho wayo usezingeni eliphezulu ngoba kuza iindwendwe zamanye amazwe. Oompondozihlanjiwe boosozoso baza kukhuphisana ngesigubha sebhaso isilikhulu lerandi (R100 000) eliza kufunyanwa ngophume phambili.

“Amalungiselelo wethu ahamba kakuhle kakhulu. Sincediswa ngabantu be-ofisi kazwelonke ye-International Federation of Bodybuilding (IFBB),” utshilo uMnu. Mso Ngcobo, usihlalo wePata Group ethetha neli phephandaba. Eyona nto ebangele abaququzeleli bafune itumente yoosozoso kukuba bafuna ukufundisa abantu ngempilo entle. “Sifuna ukugqamisa ukubaluleka kwempilo, ukugcina imizimba iphilile ebantwini abatsha ngoba lo nto incedisa ingqondo isebenze kakuhle,” utshilo uMnu. Ngcobo. “Umon akalo owenziwe yiKhorona wenzeke ngenxa yokuba abantu abaninzi bebenemizimba engaqinanga. Sisebenzisa nesebe lezemfundo eliqhuba iphulo elichasene neziyobisi.

“Umdla wethu usekubeni abantu abatsha bazixakekise ngezemidlalo ezingqondweni zabo. Ngokuzisa itumente enje ngale, sizama ukutyala ukubaluleka kwempilo entle ezingqondweni zabantu,” utshilo uMnu. Ngcobo. Phakathi kwamadoda ayayo kwitumente eseMthatha aquka uSizwe Jongidiza oyintshatsheli eGqeberha, uMiguel Capoeira waseMozambique oyintshatsheli yeDurban Grand Prix, uVuyo Vanda oyintshatsheli yoMzantsi Afrika nobekhe wafumana indawo yesithathu kwi-IFBB Bodybuilding World Champs, uSanda Gijana, uMandisi Majova, uTerra Dlodlo noNaledi Danca. Itumente iza kuqala ngentimbi yesine, kungenwa ngeR200 ngabantu abanomdla wokubukela.