UMthethwa ubangxolisile abaququzeleli beComrades Marathon

Umphathiswa weZemidlalo, uNathi Mthethwa, usigxeke kabukhali isigqibo sokungarhoxiswa kweComrades Marathon ngabaququzeleli bayo.

Intetho kaMphathiswa ixhokonkxwe sisaziso esenziwe ngabaququzeleli abathe abazu kuyirhoxisa iComrades Marathon kulonyaka kude kubekho into entsha.

Ngenxa yokunwenwa kwentsholongwane yecorona, uMongameli Cyril Ramaphosa uyalele abantu belizwe lonke ukuba bangazenzi iintlanganiso ezinabantu abangaphezulu kwekhulu ngelizama ukubamba ukunwenwa kwaso.

UMzantsi Afrika sele ubhalise abantu abalikhulu elineshumi elinesibini (112) abantu abanesifo kwaye oko kunyanzele yonke imibutho inqumamise iinkqubo zayo zemidlalo.

Abaququzeleli beComrades bakhuphe ingxelo ethi abazu kuwurhoxisa umdyarho – kodwa baza kuyibeka esweni imeko kude kube yinyanga ezayo.

“Ngeke umdyarho ubekho. Ibonakalisa ukungakhathali intetho eyenziwe ngabaququzeleli beComrades,” utshilo uMthethwa emva kokubamba intlanganiso nezikhulu zebhola ekhatywayo.

IComradres Marathon ngomnye wemidyarho emikhulu futhi etsala amawakawaka eembaleki eziphuma kumazwe ase-Afrika naseYurophu.

Ukuqhubela phambili kwayo kusekho isifo esiyingozi njengecorona kungabeka engozini ubomi beembaleki nobabantu ngokubanzi.

Ekuqaleni kweveki, usihlalo weComrades Marathon Association, uCheryl Winn, uthe abaququzeleli ababone kungekho mfuneko yokuwumisa umdyarho walo nyaka.

“Emva kweenyanga ezinthathu zonyaka, isigqeba esilawulayo sithe siza kuyibeka esweni imeko yelizwe phambi kokwenza isigqibo esifanelekileyo kwinyanga ezayo,” itshilo ingxelo ekutshwe yiCMA.

Umongameli we-Athletics South Africa, uAleck Skhosana, ungenelele ngelithi iCMA sobe iphinde yenze lizwi ngalomba.

“Phambi kwentlanganiso, ndifumene ucingo kumphathiswa esithi uva kusithiwa iCMA iza kuqhubela phambili nokuba kumnyama entla.

Ukusukela ngoku, iCMA sobe yenze lizwe. Iza kwenza into eyixelelwa sithi,” utshilo uSkhosana.