UMthethwa uthembisa ukunika konke okusemandleni akhe kwiqela lakhe elitsha

USandile Mthethwa ngumdlali omtsha waMaZulu. Umfanekiso: AmaZulu FC

Owayesakuba ngumdlali wasemva weOrlando Pirates, uSandile Mthethwa (27) ngomnye wabadlali ababini abatsha ababhengezwe ngaMaZulu emva kwemini ngoLwesibini.

Oku kuza emva kokuba iPirates iqinisekise ukuhamba kukaMthethwa kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu, bakuchaze oku njengesigqibo iqela nomdlali abafikelele kuso ngaphandle kwengxaki ukuze akwazi ukuya nakweliphi iqela alifunayo.

Lo mdlali wasemva waseMpangeni KwaZulu-Natal, uvakalise ukuzingca nokuzimisela kwakhe ukushiya ilifa kuSuthu.

“Ndiza kwenza konke okusemandleni am ukwenza igalelo lam kwimbali yaMaZulu, ndiphakamise igama losapho lwam, kwaye ndincede iqela libuyele kwiTop 4,” utshilo uMthethwa ethetha neAmaZulufc.net.

Ukwabonge eli qela ngenxa yomdla wabo wexesha elide lokumzisa kwiqela.

“Ndiyabulela kuMaZulu ngokukholelwa kum. Ndivile ukuba bekukho iinzame zangaphambili ezenziwe liqela ukuze ndibe ngumdlali weqela, kwaye ngoku ndilapha, ndifuna ukubonisa umbulelo wam ngokusebenza nzima ebaleni.

“Eli qela lisondele entliziyweni yam, likude kanganeeyure ezimbini ukusuka apho ndisuka khona eMpangeni, ngoko ndiziva ndisekhaya. Ndiyayazi ukuba uhambo oluya phambili aluzukuba lula, kodwa ndithembisa ukunika konke okusemandleni am kwiqela lam elitsha.”

Omnye umdlali omtsha othe wabhengezwa noMthethwa nguBongani Zungu owayedlalela iMamelodi Sundowns nowayengenalo iqela emva kokushiya iSundowns.