UMthethwa uvula isifuna ngokuza kwenzeka kwiChiefs!

USibongiseni Mthethwa uthi iKaizer Chiefs iza kuthatha apho ibiyeke khona xa kuqala isizini kwakhona kule nyanga. Amaqela adlala kwiDStv Premiership athathe ikhefu isithuba esiyinyanga ngenxa yemidlalo ye’Africa Cup of Nations eqhubekayo kwilizwe lase-Ivory Coast. Nakubeni uMthethwa, 29, ebenguye umdlali waBafana Bafana – kodwa khange akwazi ukuyifumana indawo yakhe kwiqela likaHugo Broos lokugqibela. Lo nto imnike ithuba lokuqhelana nabadlali beChiefs ngoba wafika kuyo isizini inethuba iqalile.

Ebesaziwa kakhulu ngokudlala kakuhle esiswini uMthethwa esadlalela iStellenbosch FC – kodwa akakayifumani igiya yamandla oko efikile kwiChiefs. Le ndedeba yaKwaZulu-Natal ibone ikhefu leCAF ilithuba lokuqhelana noogxa bayo nokufunqula umdlalo weqela. “Ikhefu lindincedile ngoba nditsho ndafumana ithuba lokufunda indlela ekwenziwa ngayo izinto. Ngoku ndazana ngcono nabadlali ngoba ngethuba kulungiselelwa isizini, mna bendingekho apha. “Incedile kakhulu ngoba singabadlali sitsho safumana ithuba lokufuthelana,” utshilo uMthethwa.

Amakhosi aphantsi koxinizelelo olumandla ngoba agqibela kudala ukuthatha indebe. Umdlali ufana noMthethwa ufika atsale nzima ngoba kulindeleke lukhulu kuye. “Lukhona uxinizelelo apha nakwamanye amaqela – kodwa akufani. IChiefs inengxaki yokunqatyelwa ziindebe. Sisebenza ngokuzimisela ukuze sikwazi ukufumana iindebe. Uxinizelelo lukho kuzo zonke iindawo. Nokuba udlala phi, kusoloko kulindelwe into. Sizimisele ukuqhubela phambili nendlela ebesidlala ngayo phambi kweAfcon. Lisincedile ikhefu ngoba sidlalela ukuba kwiTop 3.