Ekugqibeleni, umtshato weKaizer Chiefs nefolosi u-Edward Manqele uphelile. Lo nto ithetha ukuthi lo mdlali ukhululekile ukuba angakhangela iqela elitsha anokulidlelela ukusukela ngoku ukuya phambili. Ezi ndaba zipapashwe yiKaizer Chiefs izolo kwikhasi lomnatha layo.
“Siliqela sinezindaba: Emva kweengxongxo phakathi kwethu noManqele, sibone kulungile ukumkhulula ukuze akwazi ukufumana indawo yimbi anokuthi aqhubele phambili nekhono lakhe lebhola ekhatywayo kuyo. Sivumelene ke ngalo nto,” itshilo ingxelo ebhaliweyo ekutshwe nguBobby Motaung, umanejala weChiefs.
Manqene wazenzela igama njengomdlali oneliso elibukhali nonyawo oluqeqeshiweyo kwicala lokufaka amagowuli ngethuba edlalela iFree State Stars phantsi kwesandla sikaSteve Komphela kwiminyaka eyadlulayo. Zange kube kudala yamthatha iMamelodi Sundowns – ngelishwa izinto azimhambelanga kakuhle apho. Kuye kwanyanzeleka aye kwamanye amaqela – apho azame khona ukuvuselela ikhono lakhe lebhola. UManqele utyikitywe yiChiefs ngo’2015 emva kokudlalela iChippa United ixeshana elingephi.
Phantsi kukaKophela ngoku aqeqesha iChiefs, u-Edward Manqele, 29, idlale imidlalo ephaya kumashumi amabini anesithathu. Kuloo nqwaba yemidlalo, linye qha igowuli alifakileyo. Yilo nto ekubonakala ukuba ibangele Amakhosi angakwazi ukumgcina. Ekupheleni kwesizini ka’2015/16, yena noSiphelele Mthembu babekwa kuluhlu lwabadlali abathengiswayo yiChifes – ngelishwa labo zange kubekho nelinye iqela elibathengayo.
Lo nto ibanyanzele aba badlali bobabini ukuba bahlale kwiChiefs bengadlali benjalo. Njengokuba ixesha lokutyikitywa kwabadlali ngamaqela adlala kwiPremier Soccer League selivaliwe yiFIFA, kuyanzeleka alinde kuphele isizini phambi kokuba aye kwelinye iqela. Ngoku Amakhosi atyhala ngabadlali abafana noBernard Parker, uGustavo Paez, uMichelle Katsvairo, uLewis Macha noCamaldine Abraw – obuya kumonzakalo omkhonkxe iinyanga eziliqela.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma