Umtshato weDowns noSirino uphelile – kodwa usakhonkxekile

UGaston Sirino weMamelodi Sundowns no-Itumeleng Khune weKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership ekuqaleni konyaka eFNB Stadium. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Omnye wabadlali abaphambili kwiMamelodi Sundowns, uGaston Sirino, usendleni ehambayo emva kokuvakala kweendaba ezithi ucele ukukhululwa. Iindaba ngokuhamba kwakhe uSirino zidizwe nguRhulani Mokwena xeshikweni ethetha kwinkqubo yezemidlalo yePower FM. USirino, 32, wafika kwiSundowns ngonyaka ka2018 kusekho uPitso Mosimane. Nangona eziqaqambisile kuyo yonke iminyaka ayihleli eMzantsi Afrika – kodwa kwisizini ephelileyo khange adlaliswe ngendlela eqhelekileyo nguMokwena. Kukho amarhe athi oku kwaphenjelelwa nguSirino owafuna ukuya kwiAl Ahly yaseYiphutha isaqeqeshwa nguMosimane. Kwakhona kulo nyaka, kuvakele iindaba ezithi angaya kwiSaudi Pro League yaseSaudi Arabia – apho uMosimane aqeqesha khona ukusukela kwisizini ephelileyo.

Ngokutsho kukaMokwena, iSundowns ilinde iqela eliza kumthenga uSirino ngoba usenesivumelwano segqesho nayo. “Uthe ufuna ukuhamba ngoba kukho iqela eliza kumthenga. Yinto andixelele yona leyo kwiiveki ezigqithileyo,” utshilo uMokwena. Ukunqaba kwakhe ebaleni bekuntama ingxaki ekhoyo enkampini yeSundowns. Kwimidlalo emihlanu yeDStv Premiership eseyidlalwe yiSundowns kule sizini, akukho namnye adlale kuwo uSirino. “Kuthiwa kukho iqela eliza kumthetha. Silinde lona ke ngoku. Ngoba (uSirino) uthe masilinde iqela elimfunayo, iSundowns akukho nto enokuyenza kungekho nto ebekwe etafileni,” utshilo uMokwena, owongeze ngelithi iDowns zange iyithande into eyenziwa yiAl Ahly eyayifuna uSirino kwiminyaka egqithileyo.

“Ibuhlungu imeko akuyo uSirino ngoba kwenzeka le nto emva kokuba efumene olona qeqesho olusemgangathweni ophezulu phambi kwesizini. Le nto yenzekayo yayikhe yenzeka ngaphambili. Naye uSirino wade waya ebaleni enxibe isikipha seAl Ahly phambi kwabalandeli bethu. Yaziva idelekile iSundowns yilo nto. Kufuneka ndiwuphathe ngobunono umba wakhe ngoba uchaphazela iqela lonke futhi ungomnye wabadlali bethu abaphambili. Sonke siyavuma ukuba akekho umdlali obaluleke ukogqitha iqela. Lo nto ithi kufuneka wonke umntu abe nendlela yokuziphatha. Abadlali abadlalela iSundowns ngabadlali abafuna ukudlalela yona,” utshilo uMokwena. Kulindeleke ukuba iSundowns idibane neKaizer Chiefs emdlalweni omkhulu weMTN8 oza kube useFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo.