UMuhsin akawoyiki Amakhosi ekhaya

Isizini yeAbsa Premier Soccer League ka2017/18 iya songwa kule mpelaveki.

Ayisabuzwa indawo yokuqala ngoba iMamelodi Sundowns seyiziintshatsheli – kodwa phaya ekugqibeleni, iAjax Cape Town izakube isilwela ukusinda ekuthotyiselweni.

Eli qela laseKapa lamkela Amakhosi kumdlalo wePSL obaluleke kumaqela omabini eCape Town Stadium ngo15:00 ngoMgqibelo.

Okwenza umdla kakhulu kulo mdlalo kukuba uMuhsin Ertugral uza kungquzulana noPatrick Mabedi owayemqeqesha esengumqeqeshi weChiefs kwiminyaka eyadlulayo kumdlalo ekunyanzelekileyo aphumelele omabini la maqela ukuze afumane iindawo azifunayo.

UMuhsin namakhwenkwe wakhe bagxeleshe impumelelo ukuze iAjax iqinisekise indawo yayo kwiPSL emva kwesizini ebimbi kakhulu.

Kanti yena uMabedi uya eKapa efuna amanqaku amathathu ukuze iqela lakhe lifumane indawo yesithathu eyakubekela indawo kwimidlalo yeCaf kunyaka ozayo.

UMuhsin akanalo nelincinane uvalo ngoba ulungiselela iChiefs ayaziyo futhi uthembele ngeqela lakhe elingaqhubi kakubi kangako xa lidlalela ekhaya.

Le ndedeba yaseTurkey ithi kulo mdlalo uxinizelelo lukwiChiefs ngaphezulu kweAjax eya kuqiniseka ngokudlala kwiPSL kwisizini ezayo ukuba iyaphumelela emdlalweni.

“Ewe, sikwazi kakuhle ukubaluleka kwalo mdlalo kuthi. Into endiyithandayo kukuba sidlala kakuhle kakhulu ekhaya. Kwakunzima ekufikeni kwam – kodwa izinto sezaphucuka ngoku. Ukuba siyayibetha iChiefs, sakube sisindile. Lo nto yiyo eza kusikhuthaza. Ngeke kube lula – kodwa ekhaya sidlala kakuhle,” utshilo uErtugral.

Amakhosi azimisele ukuyintywilisela iAjax emva kokufumana amandla kumdlalo ogqithileyo abethe kuwo iMaritzburg United ngo’2-0. Abadlali baya eKapa benenjongo yokuphumelela ukuze badlale kwiCaf Confederation Cup.

“Kwafunquka ukuzithemba kuthi emva kokubetha iMaritzburg United. Siya kumdlalo wempelaveki sizithembile kwaye injongo yethu inye: kukulwela indawo yesithathu sikwazi nokuzibekela indawo kwimidlalo yeConfederation Cup,” utshilo uMabedi.

Amakhosi aza kuvala isizini ephaca amatyeli amathathu elandelelana.

UMabedi wathatha iintambo emva kokulahla kukaSteve Komphela njengomqeqeshi kwinyanga ephelileyo.