UMuhsin Ertugral ubethe iChiefs waveza nengxaki yayo!

UMuhsin Ertugral ngumqeqeshi oyintloko wethutyana weCape Town City. Umfanekiso: ©Ryan Wilkisky/BackpagePix

UMuhsin Ertugral khange akwazi ukuzibamba emva kokubetha iKaizer Chiefs emdlalweni obungempelaveki. Oku kwenzeke emva kokuba iCape Town City yakhe ibethe Amakhosi ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eCape Town Stadium.

Igowuli elifakwe nguDarwin Gonzalez lilo elinike uErtugral impumelelo yakhe yokuqala njengomqeqeshi weCape Town City emva kokuqeshwa kwakhe kwiveki ephelileyo. Okuye kwamchulumancisa kakhulu uErtugral kukuba ubethe iChiefs ayithandayo futhi ayiqeqeshe amatyeli amabini.

Uvakalise uvuyo emva komdlalo watsho ebhentsisa neegxaki zeChiefs athi udibene nayo kukudala eyilandela indlela edlala ngayo phantsi kukaNasreddine Nabi oxhuzula imikhala ngoku. UMuhsin Ertugral ufike kwiqela laseKapa kwiveki ephelileyo emva kokuba likhombise umnyango uEric Tinkler ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo.

Abaphathi baye bamkhulula uTinkler emva kokuba iqela lakhe libethwe ngaMaZulu emdlalweni obusekupheleni kuka2024. Umsebenzi omhle owenziwe nguGonzalez uveze elubala ubuwokowoko babadlali beChiefs abadlala emva bedibene nonozinti wabo uBruce Bvuma.

“Ukusebenza ngokubambisana eqeleni yinto enqabileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Kufuneka kubekho into elidibanisayo iqela ukuze liqhube kakuhle. Isincedile lo nto kwezi ntsuku ezintathu ezidlulileyo,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo ngempelaveki edlulileyo eKapa.

Nangona iChiefs ibinamandla emdlalweni – kodwa into engakwazanga ukuyenza kukuhlanganisa kungafakwa gowuli ezipalini zayo. “Kusincedile ukubambisana xa singenayo ibhola kuthi. Kodwa eyona nto ebalulekileyo yindlela esiyihlasele ngayo. Besisazi ukuba iChiefs ayikwazi ukuzikhusela xa uyiqubule emhlabeni oyingozi.

Ukuba andiphazami, singene amatyeli amathandathu ukuya kwasixhenxe emhlabeni wayo – kodwa sabethwa kukungakwazi ukusebenzisa amathuba wethu. Ngamanye amaxesha besingenabo abadlali aboneleyo xa sihlasela. Ikwazile ukuhlasela nayo iChiefs emva koko. Ayifumananga nto ngoba sidlale ngendlela eqoqoshekileyo,” utshilo uErtugral olebele ngelithi iChiefs inabo abadlali abasemgangathweni ophezulu.