Iphulukene nomdlalo wayo wesibini i’Orlando Pirates washiyeka umqeqeshi engakholelwa. Oku kwenzeke emva kokuba iCape Town City iquthise iPirates ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eCape Town Stadium ngorhatya izolo.
Igowuli ephumelele ngalo iCity lifakwe nguDarwin Gonzalez emva kokuba uPatrick Maswanganyi oyiswe kukufaka ipenela ebifunyenwe yiPirates. Ukuphumelela kweCity izolo kuthethe ukuthi uMuhsin Ertugral, ofike kwiveki ephelileyo kwiqela laseKapa, uwise amaqela aseSoweto omabini kwisithuba nje seveki enye.
Okwenze uJose Riveiro azamkele nzima iziphumo zomdlalo kukuba iPirates idlale kakuhle futhi yiyo ekwazileyo ukudala amathuba emdlalweni. UMofokeng noRadiopane bawafumene amathuba amahle emdlalweni – kodwa bawe phantsi ekuwasebenziseni.
Bekungeke kube lula ukudlala neCape Town City eye emdlalweni ikhuthazekile emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’1-0 ngempelaveki egqithileyo. “Kunzima ukuyicacisa indlela esibethwe ngayo emdlalweni wanamhlanje. Andikwazi nyhani ukuyichaza into eyenzekileyo ngoba ubumkhulu umahluko phakathi kwamaqela abedlala,” utshilo uRiveiro emva komdlalo.
“Ngumdlalo ebekufanele ukuba siwusonge kwisigaba sokuqala. Besinamathuba amaninzi acacileyo futhi umdlalo ubulawulwa sithi nakwisigaba sesibini. Kodwa ke kucacile ukuba ibingeyomini yethu. Ukuba umdlalo ubuphele amaqela entanganye ngekungcono. Okwenza kube nzima kukuba kufakwe igowuli kuthi.
“Kunzima ukuthetha ngokwenzekileyo – kodwa ndiyazingca ngendlela abadlale ngayo abadlali bethu nangona ndingakholwa ziziphumo zanamhlanje,” utshilo umqeqeshi olebele ngethili ukubethwa kweBucs akumxhalabisi konke konke.
Emva kokubetha amaqela amakhulu ngokulandelelana, uErtugral uwuqhwabele izandla umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe emdlalweni wayizolo. “Ndizingomba isifuba ngomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali. Sifumene ithamsanqa emdlalweni wanamhlanje.
“Kumnandi ukuphumelela omnye umdlalo sibetha elinye lamaqela elikhulu kweli lizwe. Ndifuna ukuncoma abadlali. Indlela abasebenze ngayo iyancomeka kakhulu,” utshilo uErtugral emva komdlalo. Ngoku iCape Town City ihleli kwindawo yesithandathu emva komdlalo wayizolo.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!