UMulaudzi noMailula baziqhumisele ngothuli iimbaleki eGqeberha!

Iimbaleki eziphume mbombo zone zoMzantsi Afrika ziqhumiselene ngothuli kugqatso obelunzima kakhulu eGqeberha kwiphondo leMpuma Koloni. Oku kwenzeke kwimpelaveki edlulileto kwenye yeetumente ezibalulekileyo ebizwa ngokuba yiNational Cross-Country ephantsi kweAthletics South Africa elawula zonke izinto kwicandelo leembaleki. UKabelo Mulaudzi, 25, uye watshatshela okokuqala kwiCross-country emva kokubaleka imizuzu engamashumi amathathu (30:26:03) kwicala lamanene. Ukuphumelela kwakhe uMulaudzi, obalekela iCentral Gauteng Athletics, kuze emva kweminyaka emibini ukusukela ngo2021 – unyaka awashiywa ngawo nguMbuleli Mathanga oyibambe izihlando ezibini intshinga yeCross-Country Championship. Lo ngunyaka wakhe uMulaudzi ngoba uyiphumelele yonke imidyarho yeembaleki elishumi athathe inxaxheba kuyo equka iAbsa Run Your City ngokulandelelana eThekwini yasePitoli ebezibanjwe kwiinyanga ezigqithileyo kulo nyaka.

Yena uKarabo Mailula wenze ezibukwayo kwicala lamanenekazi ngokubaleka imizuzu engamashumi amathathu anesithandathu (36:48:23). Ngoba uMailula ubaleke ngendlela emangalisayo, emva kokuphumelela eGqeberha, kuthiwe imbaleki yeAthletics Gauteng North iza kumela uMzantsi Afrika kwiWolrd Cross-Country Championship ebekelwe inyanga yoKwindla kunyaka ozayo eCroatia, eYurophu. UCarmie Pronsloo, obemele iphondo laseFree State, uzibambele iwonga lesiliva emva kokubaleka imizuzu engamashumi amathathu anesixhenxe (37:16:08) kwicala lamanenekazi. Ezinye iimbaleki eziphumeleleyo nguPakiso Mthembu waKwaZulu-Natal noNaledi Makgatha ofumene iwonga legolide kumanenekazi amancinane.

Emva kwutumente ebinemidyarho eyahlukeneyo engamashumi amabini anethoba, uMongameli weAthletics South Africa (ASA), uMnu. James Moloi, ubaqhwabele izandla bonke abathathe inxaxheba nabaphumeleleyo ngaxeshanye. “Lo mdyarho uzivavanyile iimbaleki ngoba bekukho umoya omkhulu. Sifuna ukubulela oosotheko, iEastern Province Athletics neNelson Mandela Bay Municipality, ngokwenza umsebenzi omhle. Sithi huntshu kuzo zonke iintshatsheli, iimbaleki ezifumene iimbasa nazo zonke ezithathe inxaxheba. Sonelisekile kuko konke okwenzekileyo namhlanje,” utshilo uMnu. Moloi emva kwetumente. Olu ibilugqatso lokuqala olukhulu phantsi kwe’Athletics South Africa ukusukela oko iimbaleki zoMzantsi Afrika zingakwazanga ukubuya nayo nenye imbasa kwiWorld Championships zalo nyaka.