UMultiChoice uza kwakha iziko lemidlalo eLusikisiki

Umphathiswa wezemidlalo nenkcubeko eMpuma Koloni, uFezeka Bayeni exhagwe zizikhulu zakwaMultiChoice, utyikitye isivumelwano sophuhliso nenkampani yosasazo eza kwakha iziko lezemidlalo eLusikisiki. Umfanekiso: DSRAC

Ebencume olukabhulankethe uMphathiswa wezemidlalo eMpuma Koloni, uNksz. uFezeka Bayeni, emva kokuba inkampani yosasazo eyaziwayo, uMultiChoice, ibhenge isicwangcwiso sayo sokwakha iziko lezemidlalo eLusikisiki kulo nyaka.

Umphathiswa wezemidlalo nezikhulu zakwaMultiChoice batyikitye izivumelwano eziliqela eziquka ukuphuhliswa kwemidlalo nokwenziwa kwemibonisobhanyabhanya kwiphondo leMpuma Koloni.

Izicwangciso zikaMultiChoice zihambelana ngqo nephulo lesebe lezemidlalo elizama ukuqinisekisa okokuba ulutsha lasezilalini lifumana amathuba nokubonwa ngabacholacholi betalente.

Ulwakhiwo leziko lezemidlalo elixabisa imali eqikelelwa kwizigidi ezihlanu (R5-million) luza kudala amathuba engqesho aliqela kwaye ubukho balo buza kuba luncedo ngoba kuza kuncedwa abadlali bemidlalo eyahlukeneyo.

“Sizibophelele ekuqinisekiseni okokuba kukho uphuhliso nokukhula kwetalente eMpuma Koloni. Lo nto siza kuyenza nokuba kusemabaleni okanye kukumabonakude. Sizingomba isifuba kwaMultiChoice ngesicwangciso esinaso sokugqamisa amabali aveliswe kweli phondo. Siza kuveza imidlalo yombhoxo neyomnyazi eza kukhatshwa yimibonisobhanyabhanya eza kuxakathisa abantu ngezakhono,” sitshilo isikhulu sikaMultiChoice, uMnu. Jabavu Heshu.

Usamkele ngovuyo olukhulu uMphathiswa isicwangciso sikaMultiChoice kwiphondo lakhe watsho esithi sihambelana nomsebenzi wesebe wokuphuhlisa iilali neelokishi.

“Sichulumance kakhulu namhlanje ngoba sityikitye isivumelwano silisebe noMultiChoice.

“Isivumelwano siza kunceda urhulumente ukuze afezekise iinjongo zakhe zokuqunisekisa okokuba abantwa beli phondo banikwa ithuba lokuba bazibonakalise kwezemidlalo. Enye into esiyivuyisayo kukubona uMultiChoice exhasa umbhoxo namantombazana adlala umnyazi,” utshilo uMphathiswa.

Njengokuba iLusikisiki iyindawo enabantwana abaninzi abanomdla kwezemidlalo – kodwa abangenazo iindawo zokudlalela, izinto ziza kutshintsha kungekudala.

“Isizathu esibangele sicele uMultiChoice akhe amabala kukuba sifuna ukuphuhlisa iindawo ezisemaphandleni neelokishi. Iziko lezemidlalo liza kwakhiwa eMqikela Senior Secondary School,” utshilo uBayeni.