Izinto zingabe azihambanga kakuhle kwiSouthern Kings kule sizini kwiSuper Rugby, kodwa bakhona abadlali abazakuba nesizathu sokuncuma.
Umdlali ogabangxayo kweli qela * -Edgar Murutlule, nobedlalile kwiqela lesizwe lombhoxo le-SA A , uzakuzibandakanya neVodacom Blue Bulls ukulungiselela iCurrie Cup. Oku kudizwe yile nkampani izolo. Eli qela likwabhengeze nokubuyela eLoftus kukaShaun Adendorff. Lo mdlali ukhe wadlala kwiSpringboks Seven nakwiBlue Bulls. Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesine, udlala kwiBoland ngokwalo mzuzu.
U-Adendorff uqale wadlala ePitoli ebuncinaneni bakhe phambi kokuba aye kwiBlitzokke eStellenbosch. Ukubuyela kwiBulls kuthetha ukuza ekhaya kuye.
UMurutlule yena ebengumdlali oqalayo rhoqo kwiKings kulo nyaka, kwaye ubukho bakhe kwiBulls kuza kwenza umahluko. Ngaphambili ukhe wadlala kwiLeopards kunye neLions kwiSuper Rugby.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?