UMusona ukhethe ukuhlala eYurophu

Ilinge leMamelodi Sundowns lokutyikitya uKnowledge Musona liwe phantsi.

Oku kwenzeka emva kokuba uMusona ekhethe ukuya kwiqela laseBelgium ekuthiwa yiKAS Eupen elimfumene ngemboleko kwiAnderlecht.

UPitso Mosimane ebemfuna shushu uMusona kuba iqela lizimisele ukukhusela indebe yalo yePSL neCAF Champions League kulo nyaka.

“Ndingatsho ukuba besimfuna uMusona kodwa ugqibe kwelokuba aye eQatar.

Asinakukwazi ke ukumelana neQatar ngemali. Kulungile, ndinethemba lokuphila kukaMauricio Affonso noJose Ali Meza,” utshilo uMosimane.