Njengokuba umqeqeshi omtsha we-Orlando Pirates, uMuhsin Ertugral, ehlanganisa iqela azakugqugqisa ngalo kwizini ezayo, kwelinye icala ubachwethele ecaleni abadlali angabafuniyo kwiqela lakhe.
Lo mqeqeshi owazalelwa eTurkey waziwa kakhulu ngokuthanda amadoda asebenza ngokuzimisela, ukuhamba kwabadlali abafana noSifiso Myeni noLehlohonolo Majoro kuyothusa kodwa kwelinye icala akothusi ngoba la madoda khange adlale kangako kwisizini edlulileyo.
Eli qela lase-Orlando likhuphe uluhlu labadlali elibathengisayo izolo. Kolu luhlu kukho aba badlali: Sifiso Myeni, Lehlohonolo Majoro, Roger Majafa, Letsie Koapeng, Felipe Ovono noYassar Mugerwa.
Ngethuba iPirates iqeqeshwa ngu-Eric Tinkler, abadlali abafana noMyeni, uMajoro no-Ovono bakhe balifumana ithuba lokudlala, kodwa hayi kakhulu ngenxa yokhuphiswano langaphakathi eqeleni. Ukhathazwe kukonzakala uMyeni kwisizini ephelileyo kodwa uthe akuphila kwabonakala.
Yena uMajoro izinto azimhambelanga kakuhle kwisizini ephelileyo nangona ithuba lokudlala ebelifumana. Ukuhamba kwakhe akothusi ngoba ebengawafaki ngendlela exolisayo amagowuli, eyona nto ibalulekileyo nakweyiphi na ifolosi. UFelipe Ovono ebekhuphisana noSiyabonga Mpontshane noBrighton Mhlongo, oyena nozinti wePirates uphambili.
Walifumana ithuba lokudlala kakhulu ngethuna onzakele uMhlongo kakhulu kwimidlalo yeCaf Confederation Cup kunyaka ophelileyo, waqhuba kakuhle kodwa ukuhamba kwakhe bekulindelekile emva kokufika kukaJackson Mabokgwane. UMajoro kukho into ethi ufunwa yiBloemfontein Celtic. Konke oko kwakucaca emva kwentlanganiso ephakathi kukasihlalo wePirates, ugqirha Irvin Khoza naba badlali bathengiswano namhlanje.
IPirates ilungiselela umdlalo weCarling Black Label ophakathi kwayo neKaizer Chiefs eFNB Stadium empelanyanga.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini