Umzam’ omhle uwuzamile uChester!

UChester Williams, igqala lombhoxo elanceda Amabhokobhoko kwiNdebe yeHlabathi ngo1995, liza kubekwa kwikhaya lokugqibela ngoMgqibelo umfanekiso: EPA/Sebastiao Moreira

Umdlalo wombhoxo eMzantsi Afrika ugutyungelwe lilifu elimnyama emva kokukhothama kwegqala lomdlali owayegqamile uChester Williams.

Emini ngoLwesihlanu ogqithileyo, kuvakele iindaba ezibuhlungu ngethuba kubhengezwa ukuba uWilliams akasekho emhlabeni ngenxa yesifo sentliziyo esimhlasele eneminyaka engamashumi amane anethoba (49).

UWilliams ebeyindoda ethandwayo kakhulu ngoba wayengumdlali ophokeleyo embhoxweni waseMzantsi Afrika.

Akothusi ke kambe ukuthandwa nokuhlonitshwa kwakhe ngoba wayengomnye wabadlali abathi benza indima ebonakalayo kwiNdebe yeHlabathi yombhoxo eyaphunyelelwa nguMzantsi Afrika okokuqala ngo1995 emva kokwenziwa ikheswa kwawo ngenxa yenkqubo yocalucalulo phambi kuka1994.

UWilliams wayekuphela komdlali omnyama kuMabhokobhoko ngoko, kodwa eyona nto eyamenza umkhitha ebantwini yaba kukuzimisela kwakhe emidlalweni.

Njengokuba umbhoxo wawusoloko ubonwa njengomdlalo wabantu abamhlophe – yena uChester Williams ufana nokuba nguvulindlela, isibonelo esikhazimlayo ebadlalini abaninzi abamnyama.

Bekungaphelelanga apho, uWilliams, odlalele iWestern Province, ebelithemba nomhlanganisi wemihlambi eyalanayo. Ukumanywa kwabantu abamnyama yayingengomsebenzi kaMadiba kuphela ekuqaleni kweminyaka yenkululeko, abantu abafana noWilliams bawenza khaphukhaphu umsebenzi wakhe nangakumbi. Ingqungqumbana yakwaWilliams iya kuhlala ikhunjulwa njengomdlali onesiphiwo sokudlala nangomsebenzi omhle ngomhla Amabhokobhoko awabetha ngawo iNew Zealand emdlalweni weNdebe yeHlabathi wodumo ngo95.

UChester udlale imidlalo yovavanyo kwiqela lesizwe engamashumi amabini anesixhenxe phakathi kuka1993 no2000, waze walala emgceni izihlandlo ezilishumi elinesine.

UMamagase Elleck Nchabeleng, okhokela ikomiti yezemidlalo, uvakalise ukukhathazeka kwakhe kukuhamba kukaWilliams emhlabeni.

“Emva kokufumana inkxaso kumongameli wokuqala, uMnu. Rholihlahla Mandela, uChester Williams wayeyinxalenye yeqela elamanya isizwe soMzantsi Afrika esasohlukene ngenxa yenkqubo yocalucalulo yaloo mihla. Uya kusoloko ekhunjulwa ngenxa yegalelo alenzileyo embhoxweni. Silahlekelwe ligqala kwezemidlalo ebelisisibane esikhanyayo esizweni siphela,” utshilo uNchabeleng.

Umfihlo kaChester Williams uya kubanjelwa eNewlands Stadium ngoMgqibelo – kodwa inkonzo yakhe ilandele emva kweenkonzo zesikhumbuzo ebezibanjwe phakathi evekini.