UMzantsi Afrika neGhana zibambene ngeqanda emdlalweni wokucweya

UMzantsi Afrika udlale neGhana emdlalweni wobuhlobo eDubai namhlanje. Umfanekiso: Safa

Iqela lesizwe
loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo libambene ngeqanda nelizwe laseGhana
emdlalweni wokucweya obubanjelwe eDubai Police Academy
emalanga namhlanje. Omabini amazwe akwisigaba sokugqibela samalungiselelo
we-2019 Africa Cup of Nations eza kuqala kwiveki ezayo ngoLwesihlanu kwilizwe
laseYiphutha. Ngokwengxelo ekutshwe ngumbutho olawula ibhola, iSafa, emdlalweni
wanamhlanje – umqeqeshi waBafana Bafana, uStuart Baxter, ukhethe ukulahlula
langamaqela amabini iqela lakhe. Abanye abadlali badlale isiqingatha sokuqala, baze
abanye badlala isiqingatha sesibini somdlalo.

Image may contain: 10 people, people smiling, outdoor

Iziqwayi zabadlali
beBafana Bafana eziquka uPercy Tau, uThulani Serero noThulani Hlatshwayo. Ngokwengxelo
epapashwe kuTwitter weSafa, abadlali beGhana ibingabona abafumene amathuba
okubhakuzelisa umnatha – kodwa abakwazanga. Kwisigaba sesibini, uBaxter unike
abanye abadlali ithuba – kodwa akubangakho nto intsha. Kuthiwa ifolosi yaBafana
Bafana, uLars Veldwijk, ifumene amathuba amabini – kodwa yathintelwa ngabadlali
beGhana ingekenzi ngozi. UMzantsi Afrika kulindeleke okokuba udlale omnye
umdlalo wokuzilolonga nelizwe lase-Angola phambi kokuqala kwe-Afcon.

 

Bafana Bafana 1:
Darren Keet, Thamsanqa Mkhize, Thulani
Hlatshwayo, Buhle Mkwhanazi, Sfiso Hlanti, Dean Furman, Kamohelo Mokotjo,
Thulani Serero, Thembinkosi Lorch, Percy Tau, Lebo Mothiba.

Bafana Bafana 2:
Ronwen Williams, Ramahlwe Mphahlele,
Innocent Maela, Daniel Cardoso, Hlompho Kekana, Tiyani Mabunda, Bongani Zungu,
Sibusiso Vilakazi, Themba Zwane, Lebogang Maboe, Lars Veldwijk.