UMzantsi Afrika uphinde wazicacisa ukuba uphakathi kwamazwe azimiseleyo kwitumente yehlabathi yalo nyaka ebanjelwe eKapa. Komnye yemidlalo enzima, iSPAR Proteas ibambene neentshatsheli ezikhuselayo, iNew Zealand, ngo’48-48 emdlalweni weNetball World Cup 2023 obubanjelwe eKapa ngorhatya izolo. Ibingumdlalo obusoyikwa ngabantu abaninzi eMzantsi Afrika ngoba iNew Zealand liqela eliphambili emdlalweni womnyazi kwihlabthi lonke – kodwa iintombi zoMzantsi Afrika zilwe kwakuko. Omabini amazwe aye emdlalweni wayizolo ukuzithemba kuphezulu ngoba ebeyiphumelele kakuhle kakhulu imidlalo engaphambili. UNorma Plummer uxhokonxe ngeefolosi ezimbini uNichole Taljaard naye u-Ine Mari Venter phambili. Kanti emva ebexhathise ngamagqala amabini, uKarla Pretorious noPhumza Maweni.
Kuzo zombini iikota zokuqala zomdlalo, iNew Zealand ihambe phambili. Nangona iSPAR Proteas ibisilwa – kodwa bekunganelanga. Kwezokugqibela iikota, iqela likaBongiwe Msomi lilwe kwabonaka noxa eye wakhutshwa kwafakwa endaweni yakhe isiququ somdlali wasesiswini, uKhanyisa Chawane. Emva komdlalo ophele amaqela entanganye, uMsomi uwuncomile kakhulu umsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe ebaleni. “Singene ebaleni siyazi kakuhle into elindeleke kuthi. Kuhle ngoba senze umsebenzi sidlala neNew Zealand. Kumnandi kakhulu kuthi ngoba ububaluleke kakhulu kuthi,” utshilo uMsomi. Yena umqeqeshi wakhe, uNorma Plummer, uzamkele ngovuyo olukhulu iziphumo eziveliswe liqela lakhe kwaye iinguqu azenze emdlalweni zimthethelele.
“Siqale umdlalo namhlanje ngeqela labadlali abohlukileyo. Ndicinga ukuba yeyona nto esincedileyo leyo kakhulu ngoba abadlali bethu abatsha balwe kwabonakala emdlalweni. Jonga uNichole ochongwe njengomdlali oqaqambileyo emidlalweni emibini ilandelelana. Ikhona into entle la mantombazana asibonisa yona. Azimisele ukuqubisana namaqela ehlabathi aphambili emdlalweni womnyazi,” utshilo uPlummer obechulumancile. Namhlanje uMzantsi Afrika udibana ne-Uganda elushica emdlalweni obalulekileyo ngentsimbi yesine emalanga. Kunyanzelekile iSPAR Proteas iphumelele ngoba ngoku amaqela ayahluzana njengokuba kusondela nesiphelo setumente evalwa ngomhla wesithandathu kule nyanga yeThupha. Kwitumente esekhaya, uMzantsi Afrika usebenzela ukuvala itumenye uziintshatsheli okokuqala kwimbali yomnyazi.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo