UMzantsi Afrika ubambene neMozambique kowobuhlobo

Keagan Dolly weBafana Bafana. Umfanekiso: BackpagePix

UMzantsi Afrika ubulela ophezulu emva kokubambana ngo’1-1 kumdlalo wobuhlobo obunomtsalane neMozambique, eNacional do Zimpeto Stadium, ngale ntlwa yanamhlanje.

ABafana Bafana bantingele eMaputo imisila iphezulu emva kokubetha iSenegal ngo’2-1 kumdlalo wekuhlakulela indebe yehlabathi ngempelaveki ephelileyo ePeter Mokaba Stadium.

Ngelishwa labo aBafana Bafana bafike iMozambique iqule yaligangatha futhi kucaca ukuba izimisele ukuyicima loo nxantsi yokuzithemba kuMzantsi Afrika.

Ukuba izinto bezihambe ngendlela uThuso Phala ngengcangcazelise umnatha kumzuzu wokuqala emva kokufumana ibhola kuRamahlwe Mphahlele.

Lo nto iyihluphezile iMozambique ebikhokelwa ngu-Elias Pelembe, odlalela iBidvest Wits, ngoba indlela edlale ngayo emva koko iye yabonisa ukuba izimisele ukuyibetha iBafana Bafana. Ngomzuzu wamashumi amabini anesithandathu iMozambique ivalele igowuli layo. UPelembe usike amadoda embindini webala, wadlula kuRonwen Williams oyeke ibhola, yadibana noClesio wayibeka emnatheni.

Phantse sonke isigaba sokuqala somdlalo silawulwe yiMozambique – akukho nto ingako eyenziwe nguMzantsi Afrika.

Kwisigaba sesibini somdlalo umqeqeshi olibambela weBafana Bafana, u-Owen Da Gama, ufake abadlali abafana noKeagan Dolly noBradley Grobler – kwangoko kuye kwakho umehluko.

Ulifumene igowuli uMzantsi Afrika ngoncedo lukaGrobler. Bazamile abadlali beBafana Bafana ukufumana igowuli lempumelelo – kodwa kude kwasekugqibeleni bengalifumenanga. UClyaton Daniels uphoswe ligowuli emva kokuba ibhola yakhe ibethe epalini ngomzuzu wokugqibela.

Bafana: Ronwen Williams, Ramahlwe Mphahlele, Eric Mathoho, Clyton Daniels, Thulani Hlatshwayo (C), Daine Klate, Tiyani Mabunda, Hlompho Kekana, Thuso Phala, May Mahlangu, Lars Veldwikj.

Amalalela: Brighton Mhlongo, Itumeleng Khune,Asavela Mbekile, Keagan Dolly, Ayanda Patosi, Sibusiso Vilakazi, Thulani Serero, Eleazar Rogers, Bradley Grobler.

Mozambique: Guirrugo, Januario, Junior, Dove, Manjate, Clesio, Lolo, Matsimbe, Jeitoso, Telinho, Pelembe