UMzantsi Afrika ubethwe yi-Ivory Coast emdlalweni kaGroup D obudikidiki ngokuhlwa kwanamhlanje

Jonathan Kodjia of Ivory Coast scores goal, challenged by Sifiso Hlanti of South Africa during the 2019 Africa Cup of Nations Finals football match between Ivory Coast and South Africa at the Al Salaam Stadium, Cairo, Egypt on 24 June 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Ukhe
phantsi isitya sigcwele uMzantsi emdlalweni wokuqala obudikidiki kwindebe
yezwekazi le-Afrika (2019 Afcon). ABafana Bafana babethwe ngegowuli elinye
eqandeni (1-0) yi-Ivory Coast emdlalweni we-Afcon wesibini kaGroup D
obudlalelwa kwibala ekuthiwa yi-Al Salam Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Igowuli
le-Ivory Coast lifakwe nguJonathan Kodija kwisigaba sesibini emva kokufumana
ibhola egotywe ngobuchule ekhohlo nguMax-Alain Gradel. Impumelelo ye-Ivory
Coast ibe ncasa ngakumbi kuyo ngoba ibethe aBafana Bafana okokuqala namhlanje kwimbali
yebhola ye-Afrika ukusukela mhla wabuyiselwa uMzantsi Afrika kwibhola
yehlabathi ngeminyaka yoo’90.

UStuart
Baxter ukhethe ukuqala umdlalo ngoRonwen Williams endaweni kaDarren Keet –
onamava athe chatha emva kokudlala kwi-Afcon phantsi kukaShakes Mashaba
ngo-2015. Isigqibo sikaBaxter khange siginywe ncam ngabalandeli bebhola – kodwa
nakubeni kungene igowuli, uWilliams uthintele iibhola eziliqela engezingene. Siphele
isigaba sokuqala somdlalo kungekho nto ingako eyenziwe ngabadlali boMzantsi
Afrika ngoba yi-Ivory Coast ebilawula umdlalo. UNicolas Pepe uvuthulule
imbumbulu yebhola ebethe epalini yabuyela ngaphakathi. Kuye kwanyanzeleka ukuba
uRonwen Williams azibonakalise emva kokuba oogxa bakhe beshiye umdlali we-Ivory
Coast eyedwa ebhokisini.

Umdlalo
ubungekho shushu kangako kwisigaba sesibini – kodwa ithe yakufumana igowuli
i-Ivory Coast zatshintsha izinto kancinci. Umdlalo woMzantsi Afrika khange
ucace kakuhle ngenxa yokulahla ibhola kwaye namathuba ebenqongophele kwizigaba
zozibini zomdlalo. UBaxter ukhuphe uLebo Mothiba noLebohang Maboe abaqale
umdlalo. Iindawo zabo zithathwe nguSibusiso Vilakazi noLars Veldwejk – kodwa izinto
khange ziguquke. Ngoku i-Ivory Coast ibambene ngamanqaku amathathu neMorocco
ebethe iNamibia ngo’1-0 emdlalweni wayizolo. ABafana Bafana bakuzama ukubuyisa
isidima sabo emdlalweni abaza kudibana kuwo neNamibia ngoLwesihlanu wale veki.

 

Bafana Bafana: Williams, Hlanti, Mkhwanazi, Hlatshwayo, Mkhize, Mokotjo,
Furman, Maboe, Zwane, Tau, Mothiba.

Amalalela: Keet, Bvuma, Maela, Mphahlele, Cardoso, Kekana, Mabunda, Zungu,
Serero, Lorch, Veldwijk, Vilakazi.

Ivory
Coast
Gbohouo; Coulibaly, Kanon, Traore,
Wonlo, Aurier, Die, Kessie, Gradel, Seri, Pepe, Kodijia.