UMzantsi Afrika ubuyise isidima sawo ngokubetha iSudan namhlanje emalanga

Lebogang Phiri of South Africa challenged by Samawal Merghani Elyas of Sudan during the 2021 Afcon Qualifiers match between South Africa and Sudan at the Orlando Stadium, Soweto on the 17 November 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UMzantsi
Afrika ukwazile ukubuyisa isidima sawo ngokuphumelela umdlalo obalulekileyo
namhlanje e-Orlando Stadium. ABafana Bafana babethe iSudan ngegowuli elinye
eqandeni (1-0) emdlalweni ohlakulela i-Africa Cup of Nations ka-2021. Igowuli loMzantsi
Afrika lifakwe lityendyana elidlala ibhola ephucukileyo kakhulu – uLebohang Phiri.
Ukuphumelela kwaBafana Bafana ziindaba ezimnandi emva kokubethwa yiGhana
ngamagowuli amabini kwiintsuku ezimbini ezigqithileyo. Umqeqeshi weBafana,
uMolefi Ntseki, wenze iinguqu eziliqela emdlalweni wanamhlanje kwaye kufanele
axole yindlela elidlale ngayo iqela lakhe nakubeni lingakwazanga ukufaka
amagowuli emva kokudala amathuba amaninzi.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla uMzantsi Afrika unkqenkqeza phambili ngegowuli elinye eqandeni.
Umdlalo ubusezingeni eliphezulu futhi omabini amaqela ebebonakala okokuba
adlalela ukuphumelela. UPercy Tau, uLebohang Phiri noThulani Serero ngabona
badlali abayisokolisileyo iSudan kwisiqingatha sokuqala. UMolefi Ntseki ukhethe
ukubuyisela uThapelo Morena no-Erick Mathoho emva – lo nto imsebenzele ngoba
uMorena ebencedisa kakhulu xa aBafana Bafana behlasela. Abadlali beSudan
badlale kakuhle emva nasesiswini. Iibhola eziyingozi ebezisuka kuDean Furman
nakuKamohelo Mokotjo bebezinqanda zingekayenzi ingozi. ULebogang Mothiba udlale
kakuhle – kodwa uphose amathuba amahle emdlalweni. Emva kwexesha elide uMzantsi
Afrika uzama, uPhiri ubhakuzelise umnatha emzuzwini wamashumi amane anesihlanu.
Igowuli ibe ziziphumo zomdlalo omhle odlalwe ngamakhwenkwe kaNtseki.

Amaqela ahlaselene
nakwisigaba sesibini. UTau, uMorena noPhiri bahlasele kwakhona besebenzisa
amaphiko omabini. Inyuse igiya nayo iSudan kwisigaba sesibini. Abadlali bayo
badlale umdlalo odibeneyo obusiya phambili nangona iibhola zabo bezikhawuleza
ziqhawulwe ngaBafana Bafana xa bengena kwiindawo eziyingozi. UNtseki uye wafaka
uLebogang Manyama endaweni kaLebohang Phiri oye wonzakala kwisigaba sesibini
somdlalo emva kokudlala kakuhle kwisigaba sokuqala. UKermit Erasmus noBradley
Grobler bangene bashukumisa kwisigaba sesibini – kodwa abadlali beSudan
bebengafuni nokuva emva. Igowuli elifakwe nguGrobler khange libalwe, usompempe
uthe ulalele noxa kumabonakude kungabonakalanga njalo. Uphumelele uMzantsi
Afrika ubetha iSudan esahleli phezulu kuGroup B.

 

Bafana: Ronwen Williams, Thapelo Morena , Sfiso Hlanti , Erick
Mathoho, Thulani Hlatshwayo (C), Kamohelo Mokotjo , Dean Furman , Lebohang
Phiri , Percy Tau , Thulani Serero, Lebo Mothiba

Amalalela: Keet (GK), Goss (GK), Lebusa ,
Mkhwanazi , Lorch , Manyama, Mvala , Modiba , Maela , Grobler, Mokeke, Erasmus.

Sudan: Aboeshren, Atahir
Mohamed, Suliman, Ismaeil, Mahmoud Ahmed, Mahamoud, Shareif, Abdelrahman, Hamid.