UMzantsi Afrika udibana neMozambique emdlalweni wobuhlobo eMbombela Stadium

UHugo Broos ngumqeqeshi waBafana Bafana. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywa, uHugo Broos, uthi kubaluleke kakhulu ukuyiphumelela yomibini imidlalo yobuhlobo eza kudlalwa liqela lakhe. Oku kuthethwe nguBroos ngethuba eqala amalungiselelo yemidlalo emibini enkampini eMpumalanga. ABafana Bafana baza kudibana neMozambique emdlalweni wobuhlobo namhlanje. Komnye baza kudibana ne-Angola emalanga ngeCawe. Yomibini imidlalo iza kudlalelwa eMbombela Stadium. Le midlalo mibini ilandela emibini yobuhlobo kwiinyanga ezidlulileyo aBafana Bafana ababethe kuyo iBotswana neSierra Leone ngokulandelelana.

Yonke le midlalo izama ukunceda iqela lesizwe loMzantsi Afrika eliza kudibana neLiberia emidlalweni ehlakulela iAfrica Cup of Nations eza kube ikwiinyanga zokuqala kunyaka ozayo. Kodwa kuye kwanyanzeleka uHugo Broos enze iinguqu emva kokonzakala nokungafumaneki kwabanye abadlali. Abadlali abafana noThibang Phethe, uMihlali Mayambela u-Innocent Maela noNkosinathi Sibisi abafumanekanga ngenxa yokuba bonzakele. Lo nto iphazamise amalungiselelo womqeqeshi obefuna ukudlalisa abadlali abaphumelele imidlalo egqithileyo yeqela lesizwe. Umdlali weTS Galaxy, uBathusi Aubaas noSiyanda Xulu, bafikile enkampini kwaye ubukho babo buza kwenza umahluko.

“Sinabadlali abonzakeleyo abafana noPhethe, uSithole, uMaela noSibisi. Kanti kukho abadlali esingababizanga abafana noPercy Tau noSithole ngenxa yokungadlali emaqeleni wabo. Baninzi kakhulu abadlali abangekho ebendicinga ukuba siza kubasebenzisa,” utshilo uBroos. Nangona kunjalo, umqeqeshi ukubethelele ukubaluleka kokuphumelela kweqela lakhe. “Ukuphumelela kwakhona kufanele kusincede kufunqule ukuzithemba kwabadlali emva kokubetha iBotswana neSierra Leone,” utshilo uBroos. Liphantsi koxinizelelo iqela lesizwe emva kokungayi kwiAfcon egqithileyo nakwitumente yehlabathi eqala ngempelaveki. Emva kokubethwa yiMorocco emdlalweni kaGroup K, uMzantsi Afrika kunyanzelekile uyibetha iLiberia kunyaka ozayo.