UMzantsi Afrika ufumene inqaku okokuqala kwiWomen’s World Cup

Mexican Ximena Rios (R) vies for the ball with South African Miche Minnies (L) during the Women's Under 17 World Cup match between the national soccer teams of Mexico and South Africa, at the Miguel Domingo Burgueno stadium, in Maldonado, Uruguay, 13 November 2018. EPA/DANTE FERNANDEZ

Nangona umqeqeshi
engancunyiswanga ngokupheleleyo ziziphumo zomdlalo – kodwa iqela lesizwe
lamantombazana likwazile ukufumena inqaku okokuqala emdlalweni wendebe yehlabathi
kule veki. ABantwana bazuze inqaku elinye emva kokubambana ngeqanda (0-0)
nelizwe laseMexico kumdlalo we-Under 17 Women’s FIFA World Cup obubanjelwe
kwibala ekuthiwa yi-Estadio Domingo Burgueno Miguel, eJapan, ngoLwesibini wale
veki. Lityeli lesibini eli uMzantsi Afrika uthatha inxaxheba kwimidlalo yendebe
yebhola ekhatywayo yehlabathi yamanenekazi aselula adlala. Kuye kanyanzeleka
abadlali bakaSiphiwe Dludlu baqinise umqolo emdlalweni ngoba bebephantsi
koxinizelelo lwabadlali beMexico emdlalweni. UMzantsi Afrika uthelekiswe
namazwe afana neMexico, iJapan neBrazil kuGroup B.

Ukudlala ntanganye
kwaBantwana ayisinto embi kangako okwangoku – kodwa kunyanzelekile benze ngcono
kumdlalo olandelayo ukuze bakwazi ukwandisa amathuba wabo okuya kumjikelo
olandela kwindebe yehlabathi. “Besinabadlali ababini abatsha emdlalweni
wanamhlanje kwiqela lethu. Ndingatsho ukuthi kube kuhle ukubabukela bedlala.
Ewe…zikhona iindawo ekufuneka siziphucule emdlalweni wethu phambi komdlalo
olandelayo. Indlela abadlale ngayo abadlali ebaleni indichulumancisile,”
utshilo uSimphiwe Dludlu emva komdlalo wokuqala.

Ngomso (Lwesihlanu)
uMzantsi Afrika udibana neJapan esingathe indebe yehlabathi kumdlalo kaGroup B
ozakube ukwaseMaldonado. Akukonakali nto ngoba iBrazil neJapan zibambene
ngeqanda nazo kumdlalo wokuqala.