Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombholo, iSpringbok Women, liya emdlalweni wesibini lizimisele ukwenza umsebenzi oncomekayo noxa lingaqhubanga kakuhle kowokuqala. Amanenekazi oMzantsi Afrika abethelwe oogqirha nezicaka yiFrance ephumelele ngo’40-5 emdlalweni ogqithileyo weWomen’s Rugby World Cup ebanjelwe eNew Zealand. Bekungekho mntu obelindele ukuba iSpringbok Women sibethe iFrance ngoba inamandla kakhulu emdlalweni wombhoxo wamanenekazi. Noxa izinto zingahambanga kakuhle – kodwa iintokazi zoMzantsi Afrika zidlale ngokukhulu ukuzinikela futhi likhona ithemba lokuba ziya kwenza umsebenzi ongcono kuneminyaka edlulileyo kwitumente yehlabathi.
Ngoku uMzantsi Afrika ulungiselela omnye umdlalo oza kungquzulana kuwo neFiji ekuseni (06:45) ngeCawe kwibala ekuthiwa yiWaitakare Stadium. Umdlali weSpringbok Women, uCatha Jacobs, uthe baya kwiFiji beneengqondo ezihllaziyekileyo ngenxa yezinto abazenze kakuhle emdlalweni ogqithileyo. “Iziphumo zomdlalo azingqinelani konke konke nendlela esidlale ngayo emdlalweni. Ewe, iFrance iwasebenzise kakuhle amathuba ewafumeneyo emdlalweni – kodwa siye sabuya ngamandla nathi. Ifumene amanqaku wayo iFrance kwimizuzu yokuqala yomdlalo. Kwelethu icala, sonelisekile yindlela esilwe ngayo,” utshilo uJacobs udlalela iSaracens yaseNgilane.
Ngoku baza kudibana neFiji ebhulelwe amasaka yiNgilane ngo’84-19. “Zange sadlala neFiji. Lo nto ithetha ukuthi siza kudibana neqela esingalaziyo. Esikwaziyo kukuba kunzima ukuyazi into engenziwa yiFiji futhi ayikwazi ukudlala xa ingekho kuyo ibhola. Ukuba singawulawula umdlalo phambili, ndiqinisekile ukuba siza kuqhuba kakuhle emdlalweni. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba sigcina ibhola ikuthi ukuze siyoyise,” utshilo uJacobs. Noxa kungekho nto ingako eyaziwa ngayo iFiji – kodwa ingawonzakalisa uMzantsi Afrika ekulindeleke uphumelele ukuba udlale ngendlela yawo yesiqhelo. Kufuneka iSpringbok Women ukuphumelela ufumane nebhonasi ngempelaveki ukuze kwande amathuba okudlala ixesha elide kwitumente yehlabathi.
UMzantsi Afrika uzuze inqaku kwiCongo Brazzaville ebibhokile kowayo!