UMzantsi Afrika ukhusela indebe yeCosafa kwakhona eGqeberha

ABanyana Banyana. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Abadlali beqela lesizwe lamanenekazi, aBanyana Banyana, kuye kwanyanzeleka ukuba bayikhohlwe ngokukhawuleza impumelelo abayizuze kutshanje eNigeria ngenxa yeCosafa eqale kule veki. ABanyana Banyana babuyele ekhaya bexwaye indebe emva kokubetha amazwe amakhulu ebholeni afana neGhana neNigeria kwiBuhari Cup esongwe kwiveki ephelileyo. Itumente yamazwe aseMazantsi we-Afrika, iCasafa, ebanjelwe eGqeberha kwiphondo leMpuma Koloni ibaluleke kakhulu kuMzantsi Afrika ofuna ukuyikhusela emva kokutshatshela kwisiqendu esigqithileyo esasidlalelwa eNelson Mandela Bay Stadium. Iqela likaDesiree Ellis livule iCosafa Cup kakuhle ngokubetha iMalawi ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni wokuvula kaGroup A.

Amagowuli ophumelele ngawo uMzantsi Afrika afakwe nguKayin Swart noNoxolo Cesane laze eleMalawi lafakwa nguWezzie Mvula. Umdlalo waBanyana Banyana ubungancumisi nangona ukwazile ukuyoyisa iMalawi emdlalweni wokuqala weCosafa Cup. Komnye umdlalo kaGroup A, iMozambique ne-Angola zibambene ngamagowuli amabini macala. Umqeqeshi waBanyana Banyana uzamkele iziphumo ezifunyenwe liqela lakhe nangona engaxolanga yindlela elidlale ngayo. “Besisazi ukuba umdlalo wokuqala weCosafa uza kubanzima. Sidlale neMalawi ebisebenzisa amandla emdlalweni,” utshilo uEllis.

“Into esiyenze kakuhle kukufaka igowuli kuqala emdlalweni nangona besinamaxesha okuphisa ngebhola nje nathi. Siye kwisigaba sesibini sisazi ukuba iMalawi iza kusileqa. Unozinti wethu wenze umsebenzi oncomekayo ezipalini ngenxa yeempazamo esizenze ebaleni. Kodwa ke kusoloko kubalulekile ukuqala kakuhle itumente, ngakumbi xa udlule kwiqela elomelele njengeMalawi. Impumelelo esiyizuzileyo iza kusinceda xa sisiya kweminye imidlalo,” utshilo uEllis emva komdlalo. UMzantsi Afrika uza kudibana ne-Angola emdlalweni wesibini ngo-15:30 ngomso.