UMzantsi Afrika uncwase ukuyiphinda iBotswana

Stuart Baxter, coach of South Africa during 2017 Cosafa Castle Cup match between Botswana and South Africa at Moruleng Stadium in Rustenburg on 04 July 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amazwe amabini angomakhelwane aphinda emvakwendlu kwakhona. UStuart Baxter namakhwenkwe wakhe babila besoma enkampini – apho balungiselela umdlalo obalulekileyo ohlakulela itumente yeCHAN ophakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseBotswana ngomso eMoruleng Stadium. Lo mdlalo ulandela lowo wokuqala obuseBotswana ephumelele kuwo ngo’2-0 iBafana Bafana kwiveki ephelileyo.UBaxter uncwase impumelelo kulo mdlalo nakulo umdlalo wokuzibekela indawo kwiCHAN – kodwa uvakalise inkxalabo kancinci kuba ecinga ukuba iBotswana ingabuya kakubi kulo mdlalo. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika alifane lisokole noko xa lidlala neeZebras, nangomso kulindeleke uMzantsi Afrika uthathe apho uyeke khona kwiveki ephelileyo nangona kungakho ubunzima.

Umqeqeshi weBafana Bafana uxelele iSafa.net (ikhasi lomnatha) ukuba ulindele iBotswana etshintshileyo emva kokubethwa kwayo kumdlalo ogqithileyo. “kwimidlalo yeCOSAFA sibabethile saphinda sababetha kutshanje. Sikwenze oko ngenxa yokudlala kwethu umdlalo ophucukileyo – lo umdlalo ngeke ubelula. Sizimisele ukudlalisa abanye abadlali kulo mdlalo wangomso ngoba sifuna ukudlala ngendlela enomahluko,” utshilo uBaxter.

“Ndicinga ukuba kubalulekile ukubaqononondisa abadlali xa iziphumo zingekacaci ngokupheleleyo. Sidlala neqela elinabadlali nomqeqeshi onengqondo ngoba akukho nto abazakulahlekelwa yiyo kulo mdlalo. Utata wayethanda ukundilumkisa ngobungozi bomntu oya edabini kungekho nto ezakumlahlekela,” utshilo uBaxter.

Nangona iBafana Bafana ingakwazanga ukukhusela indebe yeCOSAFA ebidlalela apha eMzantsi Afrika kwinyanga ephelileyo – kodwa inqwaba yabadlali abasafufuzayo bafumene ithuba lokudlala namava kwinqanaba lamazwe ngamazwe. UBaxter usasebenzisa inxalenye yabo badlali kuba eneenjongo zokwakha iqela lesizwe elizakuthi lidlale kwiitumente ezinkulu kwihlabathi.