UMzantsi Afrika unqunqelwe egoqweni yiNetherlands kwiNdebe yeHlabathi

UMzantsi Afrika uhlazwe yiNetherlands emdlalweni wayizolo. Umfanekiso: @Prakash Singh/Shutterstock/BackPagepix

Kothuke abantu abaninzi emva kokuba uMzantsi Afrika unqunqelwa egoqweni yiNetherlands emdlalweni wetumente yehlabathi yeqakamba ebanjelwe kwilizwe lase-India. UTemba Bavuma uphumelele itosi wakhetha ukunika iNetherlands ithuba lokuqhokra kuqala. Ibe yimpazamo enkulu leyo ngoba iye yakwazi ukuphepha ubumnyama. Kuye kwakho ulibaziseko emdlalweni ngenxa yemvula emanzise ibala ekuye kwanyanzeleka ukuba lifunxwe amanzi ukuze kudlalwe kulo.

Nakubeni isiqalo sayo iNetherlands siye sahexa – kodwa ikwazile ukufumana imitsi engamakhulu amabini anamashumi amane anesihlanu (2450 kumangeno acuthiweyo ngenxa yokuna kwemvula. Wona uMzantsi Afrika uye wathi finini kumakhulu amabini anesixhenxe (207) ofike nzima kakhulu kuwo. Ekupheleni komdlalo, iNetherlands iphumelelengemitsi engamashumi amathathu anesibhozo (38).

Ukubethwa kweProteas kuvuselele isilonda ebesikho kuyo ngoba ikhe yabethwa yiNetherland kunyaka ophelileyo emdlalweni obuseAustralia. Okuthe kwaphoxa abantu kukuba uMzantsi Afrika ubethwa yiNetherlands esemsileni emva kokubetha ngendlela encomekayo iSri Lanka neAustralia ngokulandelelana kwitumente yehlabathi eqhubekayo. Umdlali othe waqaqamba emdlalweni nguScott Edwards ofumene imitsi engamashumi asixhenxe engaphutshwanga.

Abadlali abaphambili kuMzantsi Afrika abafana noTemba Bavuma, Aiden Markram noRassie van der Dussen bakhutshwe kwangako kakhulu emdlalweni wayizolo. Kuye kwazama uHeinrich Klaasen noDavid Miller noxa bebephantsi koxinizelelo olunzima kakhulu. UKapteni weNetherland, uScott Edwards, ubaqhwabele izandla oogxa bakhe emva komsebenzi omhle abawenze emdlalweni wayizolo.

Yena uBavuma uvakalise ukukhathazeka kwakhe emva kokuhlazwa yiNetherlands. “Mandibancome, bakwazile ukusibetha. Sidlale kakuhle emdlalweni ebesidibene kuwo neAustralia – kodwa okuye kwanzima kukuphinda indlela esidlale ngayo. Asikwazi ukulibala okwenzekileyo ngoba kuya sikhathaza. Kodwa ayisosiphelo esi kude kube sekugqibeleni,” utshilo uBavuma emva komdlalo.