UMzantsi Afrika uphumelele umdlalo wawo wokuqala kwindebe yehlabathi

South Africa's Quinton de Kock during the ICC Cricket World Cup group stage match at The Cardiff Wales Stadium, Cardiff.

Emva kokufonyoza
emidlalweni emine egqithileyo, uMzantsi Afrika ude wazuza impumelelo yawo
yokuqala namhlanje emva kokubetha iAfghanistan ngoothinti amalithoba bonke
emdlalweni obubanjelwe eSophia
Gardens
kwidolophi
yaseCardiff – eNgilane. Akukacaci nokuba impumelelo yeProteas ingenza umahluko ongakanani
na ngoba amanye amazwe sele ekhathule kakhulu, ngakumbi lawo akumgangatho
woMzantsi Afrika kwiqakamba yehlabathi. Kodwa kunokwenzeka ibe sisiqalo esitsha
esinokuthi siwakhuthaze ngakumbi amakhwenkwe ka-Ottis Gibson kwimidlalo ezayo. Ngoku
uMzantsi Afrika unamanqaku amathathu kwindebe yehlabathi (2019 Cricket World
Cup) emva kokudlala imidlalo emihlanu. Indoda efike yatywina ibhokisi
ye-Afghanistan ngu-Andile Phehlukwayo ofike wafumana imitsi elishumi
elinesixhenxe.

Ukapteni weProteas,
uFaf du Plessis, uphumelele itosi – kodwa wagqiba kwelokuba ibe yi-Afghanistan
emayiqhokre ibhola kuqala. Namhlanje amakhwenkwe weProteas ajulayo khange
aliphoxe ilizwe, ayikhuphe yonke iAfghanistan yenze ibathwana lemitsi elikhulu
namshumi amabini anesihlanu (125) kuphela bephume bonke abadlali. Iqale kakuhle
kekambe iAfghanisatan ngoba iqabele kumashumi amathathu emitsi kungawanga
namnye uthinti. Kodwa amakhwenkwe kaDu Plessis akhawuleze azilungisa iimpazamo
azende emidlalweni emine egqithileyo. UQuinton de Kock (68) noHashim Amla (41*)
ngawona amadoda abeke uMzantsi Afrika endaweni entle namhlanje ngokufumana
imitsi eqabeleyo ekulwimi edibene nakubeni uDe Kock eye wahamba. Ukuze uMzantsi
Afrika ubenethuba elicacileyo lokuya kwisigaba esilandelayo, kufuneka ubethe
iNew Zealand emdlalwe ozakube ungoLwesithathu
kusasa e-Edgbaston.

Afghanistan125 all out (Khan
35, Zadran 32, Tahir 4/29, Morris 3/13, Phehlukwayo 2/18)

SA 131/1 (De Kock 68,
Amla 41*)