UMzantsi Afrika usungula amalungiselelo weNetball World Cup

UMzantsi Afrika uphakamise indebe yeSPAR Challenge Tri-Nations, eKapa, kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: NetballSA/Facebook

Kwisithuba seminyaka emibini ezayo, isixeko saseKapa siza kusingatha itumente yehlabathi yebhola yomnyazi (2023 Netball World Cup). Iza kuba kokokuqala uMzantsi Afrika usingatha itumente yowona mdlalo omkhulu wamanenekazi – kodwa iya kuba kokwesithathu usingatha itumente yehlabathi. UMphathiswa weZemidlalo, uMnu. Nathi Mthethwa, uqale amalungiselelo ngokubhengeza amagama wabantu abangamalungu wekomiti eza kuququzelela itumente nathe kufuneka kufuneka ingaze ilibaleke ezimbalini.

UMzantsi Afrika unawo amava wokusingatha iitumente ezinkulu emva kokusingatha itumente yombhoxo ngo’95 neyebhola ekhatywayo ngo-2010, eyothusa abantu abaninzi ababe yithandabuza iAfrika. Abonyuliweyo baquka uCecilia Molokwane, uBlanche de la Guerre, uSumayya Khan, uJP Smith, uLyndon Bouah noPatience Shikwambana weSascoc oza kuba yintloko yekomiti. Abo ngabantu ekufuneka baqinisekise ukuba uMzantsi Afrika awulidanisi ihlabathi.

“UMzantsi Afrika uyaziwa jikelele ngokusingatha iitumente ezinkulu. Kufuneka siqhubele phambili nokwenza njalo. Sizimisele ukwenza itumente (yethu) yomnyazi ibe yeyona ihlala ezingqondweni zabantu naphakade,” utshilo uMthethwa ethetha ePitoli. Abaphethe ibhola yomnyazi banethemba lokuba iNdebe yeHlabathi iya kukhuthaza abantu abaninzi ukuze bayibone njengomdlalo obafaneleyo.

“Sizimisele ukukhuthaza amanenekazi ukuze awubone umnyazi njengomnye wemidlalo emikhulu kwihlabathi ngokuzisa itumente yehlabathi kubo,” utshilo uMphathiswa. Konke oku kwenzeka kakuhle umnyazi ukhula ngendlela encomekayo eMzantsi Afrika. Kwiveki ephelileyo, uMzantsi uphumelele indebe yeSPAR Challenge Tri-Nations emva kokubetha i-Uganda ngo’44-32.

Nangona uDerette Badenhorst (umqeqeshi) esebenzise abadlali abatsha kuba bengafumanekanga abadlala eYurophu – kodwa iqela lakhe lenze umsebenzi oncomekayo ngokuphumelela imidlalo emithandathu yonke. “Kube kuhle ukubona italente esinayo kweli lizwe. Abanye abadlali abatsha baza kudlala kwiNdebe yeHlabathi (2023 World Cup),” utshilo uBadenhorst, emva kwetumente ebiquke neNamibia.