UMzantsi Afrika uvula unyaka ngetumente yomnyazi enzima

UPhumza Maweni ngumdlali ophambili weSPAR Proteas. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Sizuka nje enyakeni omtsha, uMzantsi Afrika ubandakanyeka kwitumente yomnyazi equka amazwe aphambili kwihlabathi. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika, iSPAR Proteas, sele lizimilisele iintente zalo eLondon, eNgilane – apho amazwe amane aza kuxikixana khona kwitumente ekuthiwa yiNetball Quad Series ukusukela ngomhla weshumi elinesihlanu ukuya kumhla weshumi elinethoba kule nyanga yoMqungu ka-2022. Umqeqeshi weSPAR Proteas, uDorette Badenhorst, ubhengeze iqela eliluqilima ngoba ugxeleshe imiqheliswa nangona iqela lakhe liza kudibana namazwe ayingozi kakhulu ebholeni yomnyazi. UMzantsi Afrika wagqibela ukudlala kwiNetball Quad Series ngonyaka ka-2019 phambi kokuqhambuka kweKhorona edungadunge ubomi babantu behlabathi.

Iqela likaBadenhorst linethemba lokuthatha apho liyeke khona kunyaka ophelileyo eliqhube kakuhle kuwo kwiindawo ezifana ne-Ireland, iNorthern Osland naseNamibia – apho likhusele khona iAfrica Netball Cup elayiphumelela ngo-2020 kwitumente eyayiseKapa. “Indlela iqela elizilungiselele ngayo enkampini intle kakhulu. Ngelishwa, asikwazanga ukubanabo abadlali bethu abadlala emaNgesini ngenxa yemithetho ebingavumeli uhambo phakathi koMzantsi Afrika neNgilane. Kodwa nangona kunjalo, indlela abazimisele ngayo abadlali iyandichulumancisa,” utshilo umqeqeshi phambi kokulibangisa eNgilane kutshanje. UMzantsi Afrika uza kudlala ngaphandle komdlali wawo ophambili, uKarla Pretorius, okulindeleke afumane umntwana wakhe wokuqala kulo nyaka.

Ephawula ngemidlalo ezayo, umqeqeshi uthe ufuna ukuvavanya abadlali abatsha kumaqela anamandla kwibhola yomnyazi. “Imidlalo yeQuad Series inika ithuba amazwe afuna ukuthatha inxaxheba emidlalweni yamazwe angamathanga (Commonwealth Games). Akukho ndlela yimbi yokulungiselela loo midlalo engaphezulu kwale siza kuyidlala. Siliqela, sizimisele ukudlala kakuhle kule tumente. Ndifuna ukubona umgama oza kuhanjwa liqela lam xa lidibene namazwe aphambili ebholeni yomnyazi kwihlabathi,” utshilo umqeqeshi. UMzantsi Afrika uza kudlala umdlalo wokuqala ngoMgqibelo emini neVitality Roses. UMzantsi uza kuthembela kubadlali abafana noPhumza Maweni, uZanele Vimbela noBongiwe Msomi.