UMzantsi Afrika uvuyisana noCaster Semenya

Imbaleki yelizwe loMzantsi Afrika, uCaster Semenya, iphumelele imbasa yeGolide kumgama ongamakhulu asibhozo [800m] kwii-Olimpiki zalo nyka eRio de Janeiro. Picture: Sascoc

Abantu boMzantsi Afrika abayivali imilomo emva kwempumelelo eshukumise lonke ihlabathi efunyenwe nguCaster Semenya ekuseni namhlanje eRio de Janeiro.

Le ntokazi yaseLimpopo iphumelele imbasa yeGolide kwii-Olimpiki okokuqala kwezi zalo nyaka namhlanje.

Akuphelelanga ngoba kwangaxeshanye, uCaster Semenya, ube ngumntu wasetyhini wokuqala omnyama ophumelele imbasa yeGolide kwii-Olimpiki ophuma kweli lizwe loMzantsi Afrika ezimbalini.

Iqela lilonke ebelimele uMzantsi kwii-Olimpiki zika’2016 eRio libuye neshumi leembasa. Zimbini kuphela iiGolide – enye ize noSemenya lo.

Kubekho ukuphucuka kwezi ii-Olimpiki ngoba ukwazile ukufumana eyona mbasa iphezulu – iGolide. Ngo’2012 eLondon, uCaster Semenya, wabuya nembasa yeSilivere.

Abantu abaninzi kwiindawo ezahlukeneyo kwihlabathi kuquka neembaleki ezithile zivakalise ukungonwabi kwazo ngokukhuphisana noCaster ngenxa yemeko yobuni bakhe ezithi imnika amandla angaphezulu – kodwa yena ingqondo yakhe uyibeke kwiGolide le ebeyele yona eRio de Janeiro futhi wabuya nayo.

USemenya uqinisekise ukuba izimvo zabantu abaneenjongo zokumtheza amandla akazihoyi ukusukela ekuqaleni ukuzothi ga ekugqibeleni.

Yiyo lo nto ekwazile ukwenza imbali kweli loMzantsi Afrika ngokuthi afince umgama ongamakhulu asibhozo eemitha [800m] ngexesha elingumzuzu amashumu amahlanu nesihlanu emizuzwana [1:55.28].

Sesona santya sakhe siphucukileyo ukusukela ngo’2009.

“Umgama ongamakhulu amane wokuqala [400m] siwubaleke ngesantya esiphezulu kakhulu, wonke umntu ebetyhalela phambili. Umqeqeshi wam uthe kum kufuneka ndibenomonde futhi ndiphakamise ngakumbi kuphela xa kufanelekile.

Kumnandi kakhulu ukubaleka neembaleki zehlabathi ezikwizinga eliphezulu,” utshilo uSemenya.