UMzantsi Afrika uyibeke endaweni yayo iZimbabwe emdlalweni weCOSAFA

Mamello Makhabane of South Africa challenged by Marjory Nyaumwe of Zimbabwe during the 2019 COSAFA Women Championship Semi Final match between South Africa and Zimbabwe on the 08 August 2019 at Wolfson Stadium, Port Elizabeth Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Iqela lesizwe
loMzantsi Afrika lamantombazaba landise amathuba walo okugcina indebe emva
kokuba libetha iZimbabwe ngamagowuli amathathu onke kwelinye (3-1) emdlalweni
weCOSAFA Cup ophambi kwamagqibelakankqoyi emalanga namhlanje eWolfson Stadium. Umqeqeshi
weBanyana Banyana, uDesiree Ellis, ufake iqela labadlali elahlukileyo kweliya
elingombe iMadagasca ngamagowuli amathathu emdlalweni obungoMvulo wale veki. Namhlanje
uEllis unike ithuba lokuqala umdlalo iintokazi ezifana noBusisiwe Ndimeni,
uAmanda Mthandi, uKholosa Biyana no-Ode Fulutudilu. UMzantsi Afrika uye
emdlalweni ufuna into enye kuphela: ukuphumelela umdlalo ukuze ufumane ithuba
lokukhusela indebe yeCOSAFA owayiphumelela kunyaka ophelileyo kwaphaya eBhayi.

Kuye kwanyanzeleka
aBanyana Banyana banyuse umxakatho ngoba iZimbabwe ibizixelele okokuba ngeke
ibethwe nje ingalwanga. UBambani Mbane ubeke uMzantsi Afrika endaweni entle
ngethuba ebhakuzelisa umnatha emzuzwini weshumi elinesixhenxe kwisigaba
sokuqala. Khange kube kudala, iZimbabwe iphendule ngegowuli elifakwe nguMavis
Chirandu. Kanye phambi kokuya ekhefini, uAmanda Mthandi ufake igwouli lesibini,
watsho wahamba phambili uMzantsi Afrika ofake igowuli lesithathu eliqinisekise
indawo yawo emdlalweni wokugqibela wetumente. Iqela lesizwe laseZimbabwe lagqibela
ukubetha uMzantsi Afrika ngo’1-0 emdlalweni owawuseZimbabwe ngo-2011. Umdlalo
wokugqibela uza kuba phakathi koMzantsi Afrika neZambia ebethe iBotswana ngo’4-0,
ngo’15:00 ngeCawe, eWolfson Stadium.

 No photo description available.

#African News Agency (ANA)