Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liphinde lazibonakalisa ngokuphumelela umdlalo obalulekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iPakistan ngemitsi elishumi elinanye emdlalweni weT20I obunzima eKingsmead, ngoLwesibini ngorhatya (izolo). Omabini amaqela avelise umdlalo okwinqanaba eliphezulu kumangeno wawo – kodwa iProteas iye yazixelela ukuba ngeke ibethelwe kowayo emdlalweni obalulekileyo. Kumangeno wayo, iProteas iqhokre ikhulu elinamashumi asibhozo anesithathu kuwe oothinti abalithoba (183/9).
Ingene ingxamile iPakistan ngelizama ukuphendula futhi inethemba lokuphumelela umdlalo. Noxa izamile ukuyilwela impumelelo – kodwa iwe ngeneno kwityala ebilibekelwe nguMzantsi Afrika. Kuphele ixesha layo ifumene imitsi elikhulu elinamashumi asixhenxe anesibini kuwe phantsi oothinti abasibhozo (172/8). Nakubeni ikhe phantsi isitya sigcwele iPakistan – kodwa uKapteni wayo, uMohammad Rizwan, uwuncomile umsebenzi omhle owenziwe ngoogxa bakhe eKingsmead Stadium ebinabantu abaninzi abe bexhasa uMzantsi Afrika obudlalela ekhaya.
“Siphantse sayifumana impumelelo,” utshilo uRizwan emva komdlalo ekuthiwa zange afumane ithuba lokudlalela uMzantsi Afrika kwiminyaka embalwa eqgithileyo efuna. Amadoda athe enza indima ebonakalayo kwimpumelelo ezuzwe nguMzantsi Afrika aquka uDavid Miller noGeorge Linde. Phantsi kwegama lakhe uMiller wenze imitsi engamashumi asibhozo anesibini. ULinde wenze amashumi amane anesibhozo waze yena uMaphaka wafumana ishumi elinesibini. Emva komdlalo, uLinde uxelele iintatheli ukuba uzive enyanzelekile ukuba adlale kakuhle emdlalweni obuyizolo.
Umsebenzi wakhe khange uphelele ekuqhokreni ibhola okanye ekufumaneni imitsi kuphela, uqinisekise ukuba ukhupha abadlali ekuthenjelwe ngabo kwiPakistan ebizimisele ukuwuthathela kuyo umdlalo ogqithileyo. Oku ukwenze emva kokushiywa yibhasi endleleni eya ebaleni phambi kokuqala komdlalo. Ukudlala kakuhle kwakhe iLinde kubonakala njengendlela yokuxolisa koogxa bakhe. Emva kokuba iifolosi zingakwazanga ukufumana imitsi, uMiller ulithathele kuye uxanduva lokufumanela uMzantsi Afrika imitsi eqinisekise impumelelo yawo.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!