UMzantsi Afrika uza kuvavanywa eTwickenham

Umqeqeshi weSpringbok uRassie Erusmus umfanekiso: Phando Jikelo/African News Agency/ANA

Nakubeni isipani sikaRassie Erasmus sithande ukubhitya kwicala lamava – kodwa unethemba lokuqhuba kakuhle kwimidlalo yovavanyo eqala ngempelaveki kwizwekazi laseYurophu.

Amabhokobhoko aza kududlana kube nzima neNgilane kumdlalo wokuqala oza kube useTwickenham ngoMgqibelo.

Izixhiliphothi zabadlali beBoks ezidlala eNgilane ezifana noWillie le Roux, uFaf de Klerk, uFrancois Louw noCheslin Kolbe azizukubakho emdlalweni wempelaveki – lo nto ithetha ukuthi uRassie kufuneka adlalise amadoda afana noEmbrose Papier, uIvan van Zyl noLouis Schreuder.

UMzantsi Afrika ubukhe wancumisa abalandeli bombhoxo kulo nyaka ngokubetha iNew Zealand neNgilane kwimidlalo ebiphakathi enyakeni. Ngokuqinisekileyo, iNgilane ifuna ukubuyisa izitya emdlalweni wangempelaveki.

“Kwimidlalo esidibene kuyo neNgilane, sasebenzisa abadlali abaquka uLukhanyo Am, uAphiwe Dyantyi noSbu Nkosi. Umdlali onjengoFaf akanawo amava kwimidlalo yovavanyo ngoba akakafiki nakumashumi amabini emidlalo kwiBoks.

“Lo nto ithetha ukuthi sibhityile kakhulu kwicala lamava. Kodwa ngoba uIvan noEmbrose banethuba elide bekwiBoks, ithi lo nto asizukuqala phantsi noko. Uxinizelelo yinto elindelekileyo xa uthelekisa namaxa sidlalela eMzantsi Afrika. Siza kudlala nelizwe elilangazelela impumelelo – kodwa ke liza kulufumana uvavanyo emdlalweni,” utshilo uRassie xeshikweni ethetha nonoondaba eNgilane.

Umqeqeshi waMangesi, uEddie Jones, yindoda eyaziwayo ngokuba ngungqondongqondo kwicala lokuqeqesha embhoxweni – uphantsi koxinizelelo mvanje ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweqela lakhe kwimidlalo egqithileyo.

Abantu abaninzi bothukile xa uJones engamchongi umdlali ofana noDanny Cipriani owanceda iqela lakhe kumdlalo owawuseMzantsi Afrika.

INgilane ingakelema xa idlalela ekhaya. Yiyo lo nto kufuneka umqeqeshi weBoks alindele izinto ezingalixaka iqela lakhe.