UMzantsi Afrika uza kwenza ezibukwayo kwiCOSAFA

Ingqanga zebhola ekhatywayo uLauren Duncan, Isaac Klaas noDesiree Ellis eBhayi. Umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Iqela lesizwe lebhola ekhatywayo lamantobazana,
iBanyana Banyana, likulungele ukudlala phantsi kwemozulu yaseBhayi entshintshatshintshayo
xa kuqala imidlalo yeCOSAFA kule veki. Umqeqeshi weBanyana, uDesiree Ellis,
uthe bagaleleke eNelson Mandela
Bay
ekuqaleni kweveki
kuba befuna ukuziqhelanisa nemozulu phambi kokuqala kwetumente. UDesiree ebe
sesinye sezitatanyiswa ebezizimase umsitho wokwamkela iinkokeli zeCongress of
South African Football (COSAFA) obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ngoMvulo.

Abanye babantu abebezimase umsitho ngusodolophu
uMongameli Bobani, usihlalo weCOSAFA uTimothy Shongwe nosihlalo weSAFA eMpuma
Koloni uMnu. uMzimkhulu Fina nesigqeba sakhe.
Amazwe alishumi elinambini asemazantsi we-Afrika aza kukhuphisana
kwitumente ebalulekileyo ekuthiwa yiCOSAFA Women’s Championships ukusukela namhlanje
ukuya kuMgqibelo weveki ezayo.
Le midlalo iza kubanjelwa
kwibala lezemidlalo iWolfson Stadium ekwilokishi yaKwaZakhele, eBhayi.
UDesiree uthe bafike
ngeli xesha kuba befuna ukuqinisekisa ukuba bavelela zonke iinkalo.

“Lityeli lokuqala eli sidlalela apha; siyabona
iimozulu yale ndawo ayizinzi. Ngenye imini iba nomoya, ngezinye iimini iyana
okanye ibe shushu – kodwa ke sineqela eliqinileyo kwaye silikhethe
ngokulithemba,” utshilo uDesiree.

Umqeqeshi weBanyana woleke ngelithi banesithathu
sonke sabadlali abaphuma eMpuma Koloni abaquka uBambanani Mbane waseSterkspruit,
uKholosa Biyana waseMonti noCaylan Swarts waseBhayi.
Usodolophu uBobani uthe iBanyana lelinye lamaqela aza kumela iCOSAFA
kukhuphiswano lwendebe yehlabathi yebhola ekhatywayo yamantombazaba futhi
iyakuba ngamanina odwa ayakutsala iintambo ngethuba lolu khuphiswano oluseBhayi.

Inqaku lihlelwe nguSindi Mbusi noMngxozana
Simnikiwe