UMzantsi Afrika uzakumelwa ziLions neStormers

Oko iqalile le sizini, ukhuphiswano lokuya kwimidlalo yeePlayoffs kumaqela eSuper Rugby belisoloko liluqilima kumaqela alapha eMzantsi Afrika.

Iziphumo zale mpelaveki ziyibonakalise ngokucace gca loo nto, ngoku singajonga kwimidlalo yeePlayoffs, siyazi ukuba singalindela ntoni na.

IStomers kunye neeLions zikwazile ukongeza amanqaku ezikhokela ngawo kule mpelaveki, kwaye omabini la maqela ahleli phezulu.

IiBulls kunye neeSharks eziqeqeshwa nguGary Gold zohlulakele ukunyukela phezulu kwinkomfa yamaqela alapha e-Afrika. IiBulls ezibethwe yiJaguares ngoMgqibelo zisemva ngamanqaku asithoba kwiStormers ekhokela inkomfa yokuqala yalapha e-Afrika. Kushiyeke imijikelo emibini kwisizini yalo nyaka yeSuper Rugby.

Abafana bakaGold bona basemva ngamanqaku alishumi elinambini balandela iiLions kwinkomfa yesibini yamaqela alapha e-Afrika.

Impumelelo yeeLions ithetha ukuba zihleli phezulu, kwaye sele zinendawo kwimidlalo eyandulela ephambi kwamagqibela kankqoyi. IStormers idinga kuphela amanqaku amabini ukuze izibeke kule ndawo ikuyo iiLions kwinkomfa yayo.

Xa ujonga amaqela azakudlala neStormers alandelayo aquka iForce kunye neSouthern Kings ayingomaqela anobunzima kakhulu. Le nto ithetha ukuba kuzakubalula iStormers iwafumane amanqaku ewadingayo.

Iziphumo zempelaveki esisuka kuyo ziqinisekisile ukuba kuza- kudlalwa imidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi, eKapa naseRhawutini kulo nyaka. Kwelinye icala iiSharks neeBulls zizakulwela indawo yesithathu kumaqela alapha eMzantsi Afrika.