UMzantsi Afrika wenze imbali emdlalweni wokuqala kwitumente yehlabathi

Abadlali boMzantsi Afrika bevuyela ukubetha iSri Lanka emdlalweni wetumente yehlabathi yeqakamba. Umfanekiso: Deepak Malik/Shutterstock/BackPagepix

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika libhale iincwadi zembali ngokutsha ngethuba lingomba iSri Lanka ngemitsi elikhulu elinesibini (102) emdlalweni wetumente yehlabathi yeqakamba obubanjelwe eDelhi ngoMgqibelo udlulileyo. Emva kokuqhokra kuqala, uMzantsi Afrika wenze amakhulu amane anamashumi amabini anesibhozo (428) emitsi kumangeno angamashumi amahlanu, yona iSri Lanka yoyisakele izamile kumakhulu amathathu anamashumi anesithandathu (326). Ngokuphumelela kwawo uMzantsi Afrika, ube lelona lizwe eliphumelele ngemitsi emininzi kwitumente yehlabathi – ucime imbali yamakhulu amane neshumi elinesixhenxe (417) eyenziwa yiAustralia ibethe iAfghanistan ngo2015 ePerth.

Khange kuphelele apho, uAiden Markram ufumene ikhulu elikhawulezileyo kwiibhola ezingamashumi amane anethoba aye wajongena nazo. Abanye abadlali abazenezele imbali nguRassie van der Dussen noQuinton de Kock abazuze ikhulu umntu ngamnye emdlalweni wokuqala woMzantsi Afrika kwitumente esingethwe lilizwe lase-India. Emva kokuba uMzantsi Afrika usokoliswe ngabadlali beSri Lanka abafana noCharith Asalanka, uDasun Shanaka noKusal Mendis abaphethe bekhutshwa nguMzantsi Afrika, uVan der Dussen uthe:

“Siqhokre ngeyona ndlela ephucukileyo namhlanje. Kuye kwanyanzeleka sisebenze ngokukhulu ukuzimisela sijongene neebhola ezinzima ebaleni.” Nakubeni uMarkram ezenzele imbali emdlalweni wokuqala kwitumente yehlabathi – kodwa uthe ulindele ukuba kubekho abadlali abenza ngcono kunaye ngoba umgangatho oxhomileyo. “Indlela abadlala ngayo abaqhokri, ndingothuka ukuba abekho abaza kwenza ngaphezulu kwam. Abadlali abayibethi bayayivuthulula ibhola. Sibulela ukufumana ibala elihle namhlanje,” utshilo uMarkram emva komdlalo ngempelaveki egqithileyo.

Umsebenzi omkhulu woMzantsi Afrika wenziwe nguMarkram noVan der Dussen. “Bekumnandi ukudlala kakuhle sibambisene. Ndifuna ukuncoma uRassie noQuinny ngokusivulela indlela. Kunzima ukuvula umdlalo – kodwa okuhle kukuba sinabadlali abanentshisakalo kwiqela lethu. Sesisaziwa ngokugqwidiza xa kuqala itumente yehlabathi – kodwa siza kubona kweli tyeli ukuba sihamba umgama ongakanani na,” utshilo uMarkram. Emdlalweni wesibini, uMzantsi Afrika uza kujongana neentshaba zawo ezinkulu, iAustralia, ngoLwesine wale veki. Ukuqhuba kakuhle kweqela lesizwe kunika ithemba leziphumo ezibhetele kwitumente yalo nyaka.