UMzantsi Afrika woyiswe zizithonga zePakistan emdlalweni wosuku olunye

JJ Smuts of South Africa bats during the 2021 3rd Betway One Day International match between South Africa and Pakistan at Supersport Park Stadium, Centurion, on 07 April 2021 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Imisila iphezulu kwiqela lesizwe lasePakistan emva kokuba liphumelele kakuhle isiqendu sokuqala sotyelelo. Ngorhatya lwayizolo, uMzantsi Afrika uguqiswe phantsi yiPakistan ephumelele umdlalo wokugqibela kwemithathu yosuku olunye ngemitsi engamashumi amabini anesibhozo (28) eSuperSport Park. Iphumelele itosi iPakistan yakhe ukuqhokra kuqala kunoMzantsi Afrika obukhokelwa nguTemba Bavuma okwesithathu njengoKapteni omtsha wemidlalweni yosuku olunye.

Iqela likaBavuma liye emdlalweni wayizolo ukuzithemba kuphezulu emva kokubetha iPakistan ngemitsi elishumi elinesixhenxe (17) emdlalweni wesibini obubanjelwe eGoli ngoMvulo. UBavuma, uQuinton de Kock, uDavid Miller noRassie van der Dussen ngabona badlali abancede iProteas ukuze iphumelele umdlalo wesibini wosuku olunye – kodwa abakwazanga izolo. IPakistan yenze imitsi engamakhulu amathathu namashumi amabini (320) kukhutshwe amadoda asixhenxe.

UFakhar Zaman no-Imam ul-Hug ngawona madoda aswantsulise uMzantsi Afrika ngephini ngethuba eqokelela ikhulu elineshumi elinesibini (112). UBavuma ungene neqela lakhe benza imitsi angamakhulu amabini anamashumi alithoba nesibini (292) kuwe oothinti abalishumi bonke. UMzantsi Afrika uye wathembisa ekuqaleni – kodwa ziye zajika izinto phakathi ngethuba uJanneman Malan noBavuma bekhutshwa ngenxa yokonzakala.

Amadoda akwazileyo ukwenza umahluko emdlalweni wayizolo ibe nguKyle Verreyne (62) no-Andile Phehlukwayo (54) abenze intlanganisela yemitsi elikhulu elineshumi elinanye (111). Kodwa umzamo wabo awukwazanga ukunyula engxakini uMzantsi Afrika onikezeleyo udinga amashumi amabini anesibhoxo emitsi onke emdlalweni. Emidlalweni yosuku olunye yokuqala kwemithathu (Betway ODI Series), emibini iphunyelelwe yiPakistan.