UMzantsi uwafun’ apha amaNgesi kwitumente yehlabathi ebanjelwe eNew Zealand

Abadlali boMzantsi Afrika beqakamba belungiselela umdlalo wendebe yehlabathi eNew Zealand. Umfanekiso: Aaron Gillions / www.photosport.nz / BackpagePix

Aqule aligangatha amanenekazi oMzantsi Afrika adlala iqakamba njengokuba elungiselela ukudlala owona mdlalo obalulekileyo kwitumente yehlabathi. UMzantsi ufuna shushu ukuziphindisela xa edibana namaNgesi emdlalweni wetumente yehlabathi ekulwelwa kuyo ukuya kowamagqibelakankqoyi namhlanje ekuseni (Lwesine) ngentsimbi yesithathu ekuseni eNew Zealand. Iintokazi zoMzantsi Afrika zijongele nomqobo omnye phambi kokuba zizenzele imbali emva kokubetha amaNdiya ngoothinti abathathu. Phambi koko uMzantsi Afrika ubufumene inqaku wadlulela phambili udlala neWest Indies emdlalweni owachithwayo ngenxa yemvula. Umdlalo wanamhlanje uvusa amangunda omdlalo wango-2017 owawubanjelwe eBristol – apho iNgilane yabetha uMzantsi Afrika.

Umdlalo wamanqam unika iqela eliqeqeshwa nguHilton Moreeng ithuba elihle lokuziphindezela nelokuphumelela indebe yehlabathi okokuqala embalini yeqakamba yehlabathi nangona kusekho iAustralia eyingozi kakhulu. UMoreeng unethemba lokuba iqela lakhe liza kuziphindisela kwiNgilane emva kwesehlo esehla eminyakeni emihlanu eyadlulayo. “Yayingumhla kaMadiba la mini sabethwa ngawo. Sikhe sazama ukuthatha izinto ezithile ezenzeka ngala mhla kwaye ndinethemba lokuba siza kwenza umsebenzi obhetele kweli ityeli,” utshilo uMoreeng ekuqaleni kweveki ethetha nabeendaba.

“Siyayazi into esijongene nayo. Siza kudibana neentshatsheli zehlabathi ezikhuselayo. Into esinokuyenza ngoku kukudlala iqakamba ngamandla wethu onke. Iya kuba yinto enkulu kakhulu kuthi ukuba singaphumelela ngoba siliqela elikhululeyo ngoku. Iyanduchulumancisa indlela abadlali abakhule ngayo emdlalweni weqakamba. Sifuna ukuqinisekisa ukuba wonke umntu eMzantsi Afrika uyalixhasa iqela lethu. Ukuba singakwazi ukuya emdlalweni wokugqibela wetumente yehlabathu, iya kuba yinto enkulu kakhulu eMzantsi Afrika,” utshilo umqeqeshi.