UMzantsi uyiqwabaze namathambo i-Australia

Iqela lesizwe leqakamba, iiProteas, linyathelela phezulu kwezi ntsuku emva kokubetha iqela eliphambili kwiqakamba yehlabathi – iAustralia.

UMzantsi Afrika uphumelele imidlalo yosuku olunye emihlanu.

IiProteas zenze imbali ngecawe edlulileyo emva kokubetha i-Australia ngoothinti abathandathu – kulo mdlalo ukapteni woMzantsi, uFaf du Plessis, wenze amashumi amathandathu anethoba emitsi.

Umdlalo wesihlanu wosuku usetyenziswe nguMzantsi Afrika kakuhle kakhulu ngoba ubonise ubunganga bawo kumdlalo weqakamba ngokubanzi.

Kulo mdlalo i-Australia iqwatywazwe nguKyle Abbott othathu oothinti abane bonke emva kokuba iindwendwe zenze imitsi elikhulu amashumi amathandathu anesixhenxe.

-Pedro Mapelo