UMzantsi uza kuvavanywa kwindebe yehlabathi

Phantse onke amaqela esizwe oMzantsi Afrika, ngokwahlukana kwawo, athathe inxaxheba kwiitumente ezinkulu kulo nyaka.

Amajita neBanyana Banyana bakhutshwe zibekwa kwiitumente zehlabathi. Kulandele iqela lesizwe leqakamba libuyele ekhaya emva kokukhutshwa kwakusasa kwindebe yehlabathi eseNgilane.

Njengokuba amehlo esathe ntsho kuBafana Bafana abadlala itumente yeAfrika – iqela lesizwe lomnyazi liya kwindebe yehlabathi nalo eza kubanjelwa eLiverpool, eNgilane, ukusukela ngomso.

Amanenekazi oMzantsi Afrika aya emidlalweni wezizwe kodwa umbuzo ngulo: ingaba ayilungele na indebe yehlabathi?

Xa ubani ejonga amalungiselelo, kunzima ukuthi ewe ngoba iqela lidlale imidlalo emibini kuphela.

Umqeqeshi weProteas, uNorma Plummer, unethemba lokuba umdlalo wokuqala uya kufika iqela lakhe likulungele ukudlala.

UMzantsi Afrika uya eLiverpool ikhona intlantsi yethemba emva kokuvuthulula iWales ngo’84-32 no’79-44 emidlalweni emibini kutshanje. Ukulungela kweProteas imidlalo yehlabathi kuza kuba phantsi kovavanyo kwindebe yehlabathi.

“Ukudlala kwethu imidlalo emibini bekubalulekile kuthi ngoba sagqibela kudala ukudlala. Ndonelisekile yindlela abadlale ngayo abadlali. Bonke abadlali balifumene ithuba lokudlala,” utshilo uPlummer.

UMzantsi uza kuvan’ amandla neTrinidad and Tobago emdlalweni wokuqala wendebe yehlabathi ngomso (Lwesihlanu).

“Ndinethemba lokuba imidlalo esiyidlalileyo iza kusinceda kwindebe yehlabathi. Kodwa sinomnqweno wokufumana umdlalo wokucweya nelinye ilizwe eliza kudlala kwindebe yehlabathi,” utshilo uPlummer kumajelo eendaba.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lenze imbali ekuqaleni kwalo nyaka ngokubetha iNgilane ebaleni layo okokuqala kwiminyaka elishumi elinesithoba. Imbali enjalo inokubakhuthaza abadlali njengokuba uMzantsi uza kudibana namanye amazwe afana neJamaica neFiji kuPool C.

Usekela kapteni weProteas, uKarla Pretorious, uthe iqela lidlale kakuhle emidlalweni yamalungiselelo wendebe yehlabathi kodwa kusekho izinto ezimbalwa ezifuna ukuqhotyoshwa.