Emva kokuhlazeka kweKaizer Chiefs kwakhona, umqeqeshi wayo ugqibe kwelokuba acele uxolo kwinyambalala ebizimase umdlalo ngempelaveki. UNasreddine Nabi ukwenza oku emva kokuba iChiefs ingonjwe yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amane eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eFNB Stadium.
Kokwesibini iChiefs iguqiswa phantsi yiSundowns kule sizini eqhubekayo phantsi kukaNabi owenza amatiletile ukuze ikwazi ukubuyisa isidima sayo ebholeni kwakhona. Abalandeli abaninzi eFNB Stadium ibingabeChiefs njengesiqhelo – kodwa bagoduke iintliziyo zabo ziqaqamba emva kokuba iqela labo lingadlalanga kakuhle. Khange iqale iChiefs kwa ukudlala ibhola ecacileyo.
Lo nto iye yanika iSundowns ithuba lokwenza into eyithandayo emdlalweni. ISundowns iwusonge kwisigaba sokuqala umdlalo emva kokufumana amagowuli amathathu afakwe nguRayners (amabini) noPeter Shalulile. Elokuvala lifakwe nguKhuliso Mudau kwisigaba sesibini somdlalo. “Mandivuyisane neSundowns. Ndicinga ukuba ikufanele ukuphumelela umdlalo.
“Okwesibini, ndifuna ukucela uxolo kubalandeli bethu ngoba asidlalanga kakuhle namhlanje. Ndiyayixolisela lo nto. Siyathembisa ukuba iqela liza kusebenzela ukwenza umsebenzi obhetele,” utshilo uNabi emva komdlalo. Ukubethwa kweChiefs kutshayele ithemba lokufumana kwayo indebe.
Kodwa umqeqeshi ebetshilo kwiveki ephelileyo ukuba iChiefs isazama ukuqingqa futhi ayikakulungeli ukulwela iindebe. “Besisazi ukuba iqela alikomeleli ngendlela efunekayo noxa abantu abaninzi bebengacingi kanjalo. Kodwa okwenzeke namhlanje, sobe kuphinde kwenzeke.
“Mandivume ukuba abanye abadlali bethu khange badlale kakuhle – kodwa luxanduva lam olo njengomqeqeshi. Okwenzekileyo lityala lam ngoba andifuni ukugxeka abadlali bam esidlangalaleni. Ndiza kuthetha nabo xa sisodwa ekhusini. Iqela alidlalanga kakuhle ngoba abadlali bebesoyika ekuqaleni komdlalo,” utshilo uNabi ephoxekile.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika