UNasreddine Nabi uthi ufuna abadlali abatsha abaza kufika benze umsebenzi obonakalayo, hayi imiqheliswa kwiKaizer Chiefs esedikidiki nakule isizini eqhubekayo. OkaNabi uphantsi koxinizelelo emva kweziphumo ezingancumisiyo ezifunyenwe yiChiefs emidlalweni yayo egqithileyo kwiBetway Premiership.
Ekuqaleni kwesizini, iChiefs ikwazile ukucholachola eziphumo ezihle – kodwa izinto zikhawuleze zajika yaphindela kundalahle wayo. Bekukho ithemba lokuvuka kweChiefs ekufikeni kwakhe uNabi. Izinto azihambi ngendlela afuna ngayo. Ngoku unethemba koluba uza kufumana abadlali abanokuthi bakwazi ukumnika iziphumo ezihle ngokukhawuleza.
Ukuthethe oku emva kokuba Amakhosi ebambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership kutshanje. “Xa kuvulwa ithuba lokuthengwa kwabadlali, kubalulekile kuthi ukufumana abadlali abalungele umgangatho weChiefs. Sifuna abadlali abaza kusinceda siye kwindawo esifuna ukuba kuyo,” utshilo uNabi ethetha namajelo eendaba.
UNabi wafumana abadlali abambalwa abatsha ngoba wafika ixesha lokukhangela engenalo kakuhle. Ngoku kubhetele ngoba uyazibona iindawo elisilela kuzo iqela lakhe. “Abantu abayaziyo ibhola ekhatywayo, bayazi ukuba sidinga iinyoba ezintathu zokuthengwa kwabaadlali ukuze sikwazi ukufumana abadlali abanothi bancede iqela,” utshilo uNabi.
Lo ngunyaka weshumi iChiefs yagqibela ukufumana indebe. Abalandeli bayo banolaka ngenxa yokunxwalwa kwabo ngabalandeli bamanye amaqela. Kule sizini eqhubekayo, iChiefs sele iphoswe ziindebe ezimbinii zonke. Phantsi kukaNabi bekukho ithemba lezinto ezintsha – kodwa kubonakala ngathi kufuneka aqale phantsi ukwakha iqela.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!