Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uNasreddine Nabi, uncome kakhulu abadlali abathathu abangaqhelanga ukudlala. Oku ukwenze emva kokuba bencede iChiefs ebethe iRichards Bay ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngoLwesithathu ebusuku.
USibongiseni Mthethwa, Ashley Du Preez noPule Mmodi ngabadlali abenze umahluko omkhulu emdlalweni ogqithileyo emva kwethuba elide bengafumani ithuba elaneleyo lokudlala. Abanye abadlali abafumene ithuba lokudlala nguBrandon Petersen noGiven Msimango.Kanti yena uMthethwa udlale kakuhle esiswini noYusurf Maart.
UDu Preez ufake igowuli lesibini leChiefs kwisigaba sesibini. Igowuli lokuqala lifakwe nguDuba. Zonke iinguqu zenziwe ngenxa yokonzakala kwabadlali okuphethe kakubi iChiefs. Emva komdlalo, uNabi uvakalise ukoneliseka okukhulu ngumsebenzi owenziwe ngabadlali abaqale umdlalo ogqithileyo. Abanye baqale ukudlala kwiHome of Legends Cup yakutshanje.
“Ndoneliseke kakhulu ngumsebenzi owenziwe ngabadlali abaqale umdlalo namhlanje, ngakumbi uAshley,” utshilo umqeqeshi emva kokuphumelela kweqela lakhe. UDu Preez unethuba elide engayiqali imidlalo. “Indlela adlale ngayo uDu Preez uza kumenza adlale ngokuzithemba. Yena uMthethwa udlale ngendlela emangalisayo.
“Kwelinye icala, naye uMmodi udlale kakuhle – kodwa sicinga ukuba bonke bangadlala bhetele. Iinguqu esizenzileyo ziye zanyanzeleka ngenxa yabadlali abaliqela abonzakeleyo,” utshilo uNabi. Nangona iChiefs ifumene amanqaku amathathu emdlalweni ogqithileyo, umqeqeshi uthe akonelisekanga ncam yindlela iqela elidlale ngayo. Uvumile ukuba umgangatho weqela usengaphantsi kolowo wabadlali abafana noSiphiwe Tshabalala noDoctor Khumalo.
“Inkqubo yethu yokuphucula iChiefs isaqhubela phambili. Umgangatho weChiefs kufanele ube phezulu kakhulu. Kuhle siphumelele – kodwa le iChiefs ayikafiki kuleya kaTshabalala nooKhumalo,” utshilo uNabi phambi kokuba iChiefs idibane neRoyal Am eqhwalelayo emva kokubethwa yiGolden Arrows.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party