UNabi uza kuvavanywa okokuqala kwiToyota Cup!

Amakhosi aza kwamkela umqeqeshi nabadlali abatsha eBloemfontein emalanga ngeCawe. Oku kuza kwenzeka phambi komdlalo weToyota Cup oza kube uphakathi kweKaizer Chiefs neYoung Africans yaseTanzania. Emva kokuba iChiefs ichithe iiveki eTurkiye, ngoku iza kudlala umdlalo wokucweya obalulekileyo eza kubonisa kuwo izinto ezilindelekileyo kuyo njengokuba kusondela isizini entsha. Okuphinda kwenze umdlalo ube nomdla kukuba kukho uNabi Nasreddine ofikayo futhi uza kubonisa indlela adlala ngayo okokuqala eMzantsi Afrika.

Amakhosi abhenele kuNabi emva kwesizini ebimbi kakhulu phantsi kukaCalvin Johnson owathatha iintambo kuMolefi Ntseki ongazange afunwe ngabalandeli engekaqali ukusebenza. Iqhube kakuhle iChiefs emidlalweni yokucweya eyidlalileyo eTurkiya – kodwa izinto ziza kwahluka ngeCawe emalanga ngoba ibala liza kube ligcwele izihlwele zabalandeli ababhuqwe yindlala eqingqithe iminyaka elishumi eNaturena.

Nangona iToyota Cup iyitumente yosuku olunye – kodwa iza kubalola abadlali abadala incede nabatsha abazama indlela yokuqhela kwiChiefs. Ethetha ngeToyota Cup kutshanje, uJessica Motaung uthe bagqibe kwelokuba bameme iYoung Africans kuba bafuna ukuqinisa igama leChiefs kwizwekazi le’Afrika. Ubuhlobo phakathi kwala maqela mabini bomelele.

Kunyaka ophelileyo, iChiefs ikhe yachitha ixesha izilolonga yadlala nomdlalo omkhulu eTanzania phambi kokuqala kwesizini egqithileyo. Amakhosi aza kudibana neYoung Africans SC ivutshiwe ngoba inethuba elide ilapha eMzantsi Afrika futhi sele idlale umdlalo kwiMpumalanga Premier’s International Tournament enamaqela amane.

Ngaphezulu kwazo zonke izinto, amehlo aza kube ebekwe kuNabi onikwe okanye owamkele uxanduva lokubuyisa isidima seChiefs eyayikade isaziwa ngokuthatha iindebe. Kulindeleke akhe iqela eliza kuphumelela iindebe njengoko enzile kumaqela afana neYoung Africans nakwamanye amaqela awaqeqeshileyo.

Umqeqeshi weYanga ngoku, uMiguel Gamondi, uthe ulindele umdlalo omnandi kwiChiefs emva kokudlala ne’Augsburg FC kwimpelaveki egqithileyo. “Abadlali bam abakabikho kwisimo esihle – kodwa ndicinga ukuba siza kudlala umdlalo omhle neChiefs,” utshilo uGamondi.