Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uNasreddine Nabi, uyincomile indlela adlala ngayo nefuthe analo uGaston Sirino emdlalweni weqela lakhe. Oku ukuthethe emva kokuba iChiefs ibethe AmaZulu ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium izolo ebusuku.
USirino ufumene amagowuli amabini emidlalweni emibini ephunyelelwe yiChiefs kule sizini kule sizini. Nasemdlalweni wayizolo, uSirino udlale ngendlela encomekayo kakhulu. Kwiinzame zakhe zokuvuselela iChiefs, umqeqeshi utyikitye uSirino obengenalo iqela emva kokuphela kwesivumelwano sakhe sengqesho kwiMamelodi Sundowns.
Abalandeli bebephume ngendlu beyokubukela amaqela ebekunyanzelekile ukuba afumane iziphumo ezihle emdlalweni obuseThekwini izolo. Umdlalo utake iintlantsi zisuka ngoba Amakhosi ahlasela zisuka. UNabi ufumene impumelelo yakhe yesibini njengomqeqeshi weChiefs emva kwamagowuli afakwe nguChivaviro, uSirino noMiguel.
Ngoku iChiefs ihleli kwindawo yesithathu kwiBetway Premiership emva kweMamelodi Sundowns ne’Orlando Pirates ngokulandelelana. UNabi umqhwabele izandla uSirino watsho esongeza ngelithi unceda kakhulu nadlali abasakhulayo ebaleni.
“Ungumzekelo omhle uSirino futhi ifuthe lakhe livakala kulo lonke iqela xa ujonge indlela abadlala ngayo abadlali abafana noShabalala noVilakazi,” utshilo uNabi emva komdlalo AmaZulu aphantse awuphumelela kwisigaba sesibini engasidlala kakuhle iChiefs.
“Kukhangeleka ngathi siza kutsho ukuba safumana umdlali onefuthe kakhulu kwindlela esidlala ngayo ngoba nguye olincedayo iqela xa lihlasela. Ngabadlali abanje ngaye endibafunayo. Ndifuna abadlali abasemgangathweni ophezulu njengoSirino,” utshilo uNabi.
Amakhosi alungiselela ukudibana neSundowns emdlalweni weBetway Premiership oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Omabini amaqela aya emdlalweni efuna ukuphumelela oyena mdlalo oza kube ujongwe ngabantu abaninzi ngempelaveki.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8