Nakubeni iKaizer Chiefs ifumene amanqaku apheleleyo emdlalweni wayiyizolo – kodwa umqeqeshi wayo uthi abalandeli bangavuyi kakhulu ngoba isakhiwa. UNasreddine Nabi ukuthethe oku emva kokuba iChiefs iquthise iStellenbosch FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium.
UKhomotjo Lekoloane ufake igowuli leStellenbosch emzuzwini wamashumi amabini kwisigaba sokuqala. UWandile Duba ufake igowuli lokulinganisa emizuzwini esibhozo emva koko emdlalweni obunzima eFNB Stadium ebinabantu abaninzi.
Kwimizuzu yokuqala kwisigaba sesibini, uDuba ufake igowuli lakhe lesibini elibangele anikwe iwonga lomdlali oqaqambileyo emdlalweni wayizolo. Abalandeli bavuye kakhulu emva kokuphumelela kweChiefs edibanise amashumi amahlanu anesihlanu eminyaka ngoLwesibini.
Konke oku kwenzeke emva kokuba Amakhosi ebuye ephoxekile eKapa – apho abethwe yiCape Town City ngegowuli elinye emdlalweni obungempelaveki. Amanqaku amathathu ayithathe iChiefs ayibeka endaweni yesihlanu kwiBetway Premiership – kodwa uNabi uthi abantu bangavuyi kakhulu.
Umqeqeshi uthethe loo mazwi esazi kakuhle ukuba iqela lakhe alidlali ngendlela afuna ngayo. “Umsebenzi wam kukwakha iqela elidlala kakuhle. Kwiinzame zethu zokwenza lo nto, siza kuphumelela siphinde sibethwe ngamanye amaxesha.
“Kufuneka sithethe inyaniso, asikwazi ukuvuya side sigqithise kuba siphumelele namhlanje. Mninzi umsebenzi esijongene nawo,” utshilo uNabi emva komdlalo izolo. Emva kokubethwa yiCity, kukho abalandeli abathe abayiboni into ayenzayo umqeqeshi.
“Bafanele ukukhalaza abalandeli bethu xa iziphumo zingezi ngendlela elindelekileyo. Kodwa kufuneka bazi ukuba kukho abantu abatyala umoya ombi kuba bengafuni iChiefs iphumelele emidlalweni eyidlalayo,” utshilo uNabi.
Amakhosi aza kujamelana neGolden Arrows emdlalweni weBetway Premiership oza kube useMoses Mabhida Stadium emalanga ngeCawa. Ukuphumelela kwayo iChiefs emdlalweni olandelayo, kungayinyusela endaweni ebhetele kakhulu.
Useziseleni uGogo Maweni!