UNasreddine Nabi uphazanyiswe yiChiefs ephise ngomdlalo kwiRoyal Am

Abadlali beChiefs emdlalweni weHome of Legends Cup kutshanje eNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: KC/Facebook

UNasreddine Nabi ubagxeke kabukhali abadlali bakhe emva kokuba iqela lakhe lilahle amanqaku apheleleyo emdlalweni ogqithileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iKaizer Chiefs ibambene neRoyal Am ngamagowuli amabini macala emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngempelaveki egqithileyo.

Amakhosi ayigqagqanisele iRoyal Am okomgqakhwe ugoduka afaka amagowuli amabini ngokukhawuleza kwisigaba sokuqala somdlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChiefs iwenzile umsebenzi obufuneka emva kokufumana amagowuli amabini afakwe nguAshley Du Preez noWandile Duba. Izinto zijike kwisigaba sesibini.

Abadlali beRoyal Am banyuse umxakatho nakubeni izinto zingabahambelanga kakuhle kwisigaba sokuqala. Bakwazile ukufumana amagowuli amabini batsho bagoduka befumbethe inqaku esandleni. Ibaphoxile lo nto abalandeli beChiefs ngoba bebenethemba lokuba iza kuphumelela imidlalo ilandelelana itsho inyukele phezulu kwiBetway Premiership.

Yonke lo nto iphazamise kakhulu umqeqeshi ozama ukubuyisela iChiefs kundalashe. Iziphumo zomdlalo ogqithileyo zikhumbuze abantu abaninzi iChiefs yesizini egqithileyo ebidlala ingazimiselanga. “Umdlalo bekufanele ukuba siwusonge kwisigaba sokuqala – kodwa asikwazanga ngenxa yokungazimiseli kwabadlali,” utshilo uNabi ephoxekile emva komdlalo ogqithileyo.

Ebefanele ukuthezeka amandla ngoba iChiefs ifumene inqwaba yamathuba ngaphezulu kwamagowuli amabini ewafumeneyo. “Lo ngumdlalo ebekufanele uphele sinamagowuli amahlanu ukuya kwasibhozo – kodwa asiwasebenzisanga amathuba. Ngamanye amaxesha awukwazi ukufumana amagowuli ngenxa yokungabambisani emdlalweni kanti ngamanye amaxesha iba kukuziqhenya ebadlalini.

“Xa ungayihloniphi ibhola ekhatywayo, nayo ngeke ikuhloniphe. Indiphazamise kakhulu into yokulahlekwa kwethu ngamanqaku amabini namhlanje. Umdlalo siwulawule ukusukela ekuqaleni ukuya ekugqibeleni. Andazi kuye kwenzeka ntoni ebadlalini bethu,” utshilo uNabi ngodano olukhulu.